IProteas iqhokrwe kukonzakala kwabadlali

UKagiso Rabada weqela loMzantsi Afrika leqakamba iProteas umfanekiso: Muzi Ntombela/BackpagePix

Abaqeqeshi beqela lesizwe leqakamba bazonwaya iintloko emva kokuba abadlali abathathu bengakwazi ukudlala ngenxa yokonzakala.

Umdlali weProteas oqhokrayo, uQuinton de Kock, angachitha iiveki eziliqela engadlali emva kokonzakala kumdlalo we-ODI obuphakathi koMzantsi Afrika nelizwe lase-India.

Lo kaDe Kock ulandela uFaf du Plesis no-AB de Villiers abonzakeleyo nabo. UMzantsi Afrika uye kumdlalo wayizolo uqhwalela unjalo emva kweendaba ezimbi ezingokungabikho kwezi ntsika zeProteas.

UMzantsi Afrika uphantsi koxinizelelo emva kokubethwa ngoothinti abathandathu nabalithoba lilizwe lase-India kwimidlalo ebibanjelwe eKingsmead naseSuperSport Park ngokulandelelana.

Kule midlalo mibini edlulileyo, AmaNdiya aye azibonakalisa ukuba kungani na ekwindawo yokuqala kwiqakamba yehlabathi.

UKagiso Rabada uthi ukungabikho kwabadlali abaphambili kungaluncedo kwiProteas kuba abadlali abatsha bezakuthi bafumane ithuba elinqabileyo lokudlala.

“Asidlalanga kakuhle kule midlalo igqithileyo kwaye indlela esidlale ngayo ayamkelekanga konke konke. Sidlala ne-India eluqilima. Nangona idlale imidlalo emininzi kokwayo – kodwa nangoku isenawo amandla. Ifikelele kumdlalo wamagqibela kankqoyi kwiChampions Trophy – lo nto ithetha ukuthi isiseko sayo somelele,” utshilo uRabada.

Kwimidlalo ye-ODI neyeT20 elandelayo, kulindeleke ukuba uHeinrich Klaasen, osengumdlali omtsha, angene endaweni kaDe Kock.

Ukungena kwabadlali abatsha kwiqela lesizwe kunika ithuba umqeqeshi, * -Ottis Gibson, ithuba elihle lokukhangela abadlali anokuthi abasebenzise nakwindebe yehlabathi ezakube ingo-2019.

Ugqirha weProteas, uMohammed Moosajee, uthi uvavanyo lubonise ugruzuko kuDe Kock kwaye kunokwenzeka ahlale phakathi iiveki ezimbini ukuya kwezine engadlali.

Ngoku into enokwenziwa kwaba badlali bonzakeleyo kukusetyenzwa ngoogqirha ukuze babekhona kwimidlalo ephakathi koMzantsi Afrika ne-Australia eqala kwinyanga ezayo.

pedro.mapelo@inl.co.za