IProteas yehlile kumanqwanqwa e-ICC

Okokuqala emva kweminyaka elishumi, uMzantsi Afrika uza- kunyamezela ukwehla komgangatho womdlalo wabo.

Oku kulandela emva kokuba, iProteas ibethwe kwimidlalo yovavanyo elandelelanayo, yi-India kunye neNgilane, kwaye le nto ithetha ukuba bayehla kwindawo yokuqala abebekade behleli kuyo kwimidlalo yovavanyo kwi-ICC.

Izinto zingaqhubeka zibembi mpela, ukuba ikapteni yeProteas * -AB de Villiers uthathe isigqibo sokuba abeke phantsi kwimidlalo yovavanyo kwezi nyanga zizayo.

Kodwa emva kokuba uMzantsi Afrika, ubethe iNgilane ngemitsi engamakhulu amabini anesibhozo, eCenturion Park, ngoLwesibini. Kukho ithemba lokuba bangaphinda bakwazi ukulungisa iimpazamo zabo babuyisele izinto esiqhelweni.

Le mpumelelo yamva nje, ayizukunceda kakhulu kwiProteas. INgilane sele iluphumelele olu luhlu lwemidlalo, kwaye khange idlale ngokuzimisela kakhulu. UMzantsi Afrika waye waphumelela itosi ebalulekileyo ngosuku lokuqala,

Abadlali abathile baye bazibalula kwiProteas, kwaye indlela abadlale kakuhle ngayo ithe yaphendula imibuzo emininzi ibikhona.

Oyena mdlali uye wagqama kolu luhlu lemidlalo, nguKagiso Rabada, nothe wakwazi ukuwisa oothinti abalishumi alinesithathu, kwaye xa umjonga kubonakala ukuba usenegalelo elikhulu azakulenza kwiiProteas mhlawumbi kule minyaka ilishumi izayo.

Ukufika kukaRabada kwimidlalo yovavanyo, kuzise isisombululo emva kweminyaka emininzi.

Njengokuba kulindeleke ukuba kubuye uDale Steyn kunye noVernon Philander emonzakalweni, kumdlalo wovavanyo olandelayo neNew Zealand, iProteas ibonakala ime kakuhle kwicala labadlali abagibisela ngesantya.