IProteas zibethiwe yi-Bangladesh

IProteas iphinde yadanisa abalandeli bayo ngoLwesithathu ngethuba ibethwa yiBangladesh, ngoothinti abasithoba kumdlalo wokugqibela wemithathu yosuku olunye. Nangona iqela lalapha ekhaya liqale kakuhle kolu luhlu lwemidlalo, iBangladesh ize ngasemva yakugqiba yabetha phezulu kwabo.

UMzantsi Afrika ubuphumele kumdlalo wokugqibela phakathi kwala maqela mabini, kuthe kanti kukugqibelisa kwabo kuba iBangladesh ibatywatyushe kuyo yomibini eye yalandela emva koku. Kokokuqala ukuba iBangladesh iphumele kuluhlu lwemidlalo emithathu kunye no-Mzantsi Afrika nakoluphi na uhlobo lokhuphiswano.

IBangladesh iwubethe uMzantsi Afrika ngoothinti abasixhenkxe, yazakugqibela ngaba balithoba ngo-Lwesithathu. Abagibiseli beqela le-Bangladesh bazigqagqanisele iProteas, kuba liwe lonke iqela lalapha ikhaya lenze nje * -198/9.

Ii-overs zalo mdlalo ziye zacuthwa zaba ngamashumi amane emva kokuba ubuye wanqunyanyiswa ngenxa yemvula.

Umdlali ophume phambili kulo mdlalo uSoumya Sarkar ugqibe enemitsi engamashumi asithoba, ngelixa * -Tamin Iqbal eze neyakhe engamashumi amathandathu ananye. Ubudlelwane baba bafana benze ireckodi lekhulu namashumi amahlanu anesine, into engazange bayenza xa bedlala no-Mzantsi Afrika.

UMzantsi Afrika kwakhona uphinde wakhetha ukuqhokra emva kokuphumelela itosi kumdlalo wesibini ilande lelana. IProteas ziphulukene nolawulo kula mdlalo wango- Lwesithathu kusekutsha, kuwe othinti abane benemitsi nje engamashumi amahlanu.

Le nto yashiya uDavid Miller kunye no-JP Duminy nomsebenzi wokuba banyuse amangeno abo, imvula ethe yanqumamisa umdlalo yiyo ephazamise isantya sikaMiller no-Duminy. Kuba bekungona zingena emfuthweni ezi ndedeba, bebethe xhaxhe kwimitsi ngethuba kumiswa umndlalo.

Besele kushiyeke ii-overs ezilishumi elinesixhenkxe ngethuba kuphinda kubuyelwa ebaleni kodwa ke, uMzantsi Afrika ubusele ungenawo amachule okuqhokra ashiyekileyo.

UMiller uzamile kodwa ukutyhala kuba wenze imitsi engamashumi amane anesine kwii-bhola ezingamashumi amahlanu ananye.