IPumas itshabalalise amaphupha eBulldogs

Abathandi bombhoxo bebedele ingqele, nomoya wangoMgqibelo kwibala laseBuffalo City. Amaphupha eBorder Bulldogs atshabalele emva kokubethwa yiPumas, kumdlalo weCurrie Cup.

Umdlalo uye waqala emva kwexesha ebelibekiwe ngenxa yokufika kukasompempe emva kwexesha. IPumas iye yazibonakalisa ukuba ifuna impumelelo usandula kuqala lo mdlalo, ibihlasela ngokuzimisela, kwaye ibifaka uxinizelelo kwiiBuldogs.

Khange kufumaneke manqaku kwimizuzu elishumi elinesihlanu yokuqala kulo mdlalo. U-Oliver Zono weBulldogs nguye oqale weza namanqaku amathathu.

IPumas ibonakalise umonde ngeyona ndlela, UMarcello Sampson ukwazile ukungqengqa emgceni phantsi kweempondo, uJustin van Staden ukwazile ukuqabelisa lula ukwangeza amanqaku amabini. Kwimizuzu emihlanu siqalile isiqingatha sesibini, uVan Stade uphinde waqabelisa ipenalthi, kodwa iPumas ifumene ingxaki xa kusenzakala uReynier Van Rooyen oncedisa kwiskram. UTyler Fisher naye ukwazile ukungqengqa emgceni phakathi kwisiqingatha sesibini, kodwa uVan Staden khange akwazi ukuqabelisa.

Kwimizuzu nje embalwa phambi kokuba uphele umdlalo uHennie Skorbinski uphinde waqabela umgca, ukwangeza amanqaku ePumas, uVan Staden khange aphazame kweli ityeli waqabelisa. IPumas iye yaphumelela ngolo hlobo ngamanqaku angamashumi amabini anesibhozo, kwamathathu.

Ayingomdlalo mhle kwiBulldogs, njengeqela ebelisele liphumelele imidlalo emithathu kule sizini kwiCurrie Cup, ukubethwa kweeBulldogs kuvale amathuba okudlulela kumjikelo olandelayo wolu khuphiswano. Kule mpelaveki, iPumas iza- kwamkela iqela laseNamibia iWelwitschias, e-Ermelo.