Ibuyile kwakhona eyona tumente yeqakamba enkulu eMzantsi Afrika. Leyo yiBetway SA20 edlalwa ngamaqela amathandathu kwiindawo ezahlukeneyo. Njengeentshatsheli ezikhuselayo, iSunrisers Eastern Cape iza kugabula izigcawu xa idiba neMI Cape Town emdlalweni weBetway SA20 ekulindleke utake iintlantsi eSt George’s Park ngecala emva kwentsimbi yesihlanu emalanga namhlanje.
Kwisizini yesithathu yeBetway SA20, iqela laseMpuma Koloni leqakamba liza kube lisilwela ukuphumelela indebe ityeli lesithathu. Konke oku kwenzeka phantsi kuka-Adrian Birrel ongumqeqeshi naye uAiden Markram onguKapteni weSunrisers Eastern Cape ezinze eGqeberha.
“Siyilungele ngokupheleleyo isizini yesithathu. Akukho siqinisekiso sokuphumelela indebe – kodwa ndicinga ukuba ingaphela inyanga ikhona into esiyenzileyo,” utshilo uMarkram ethetha namajelo eendaba phambi komdlalo wokuqala eGqeberha.
Emva kokungaqhubi kakuhle kwiisizini ezimbini ezigqithileyo, iMI Cape Town iza kulwela ukwenza umsebenzi ongcono kakhulu kwisizini yalo unyaka. Iqela laseKapa liqala isizini entsha likhokelwa nguRashid Khan wase’Afghanistan.
UKhan ngomnye wabadlali ekulindeleke benze umahluko obonakalayo kwiMI Cape Town. “Kuhle ukubona indlela abaqhube ngayo abadlali kwamanye amaqela phambi kokuqala kwale itumente. Ndonwabile ngoba sonke sifuna ukubona indlela abaza kudlala ngayo.
“Wonke umntu ukulungele ukudlala nokunceda iMI Cape Town,” utshilo uKhan phambi kokudibana neentshatsheli zeBetway SA20 zemidlalo emibini ilandelelana. Kwelinye icala, uDavid Miller owaziwa kakhulu kwiqela lesizwe loMzantsi Afrika, uza kukhokela iPaarl Royal alindele isizini entle kuyo. “Bekumnandi kwiisizini ezimbini ezigqithileyo.
“Yonke imidlalo besiyonwabela futhi umgangatho yayo ubuphezulu. Nakule isizini silindele into efanayo emabalani,” utshilo uMiller. Yena uRilee Rossouw okhokela iPretoria Capitals uthe iqela lakhe lizimisele ukudlala iqakamba eza konwatyellwa ngabalandeli ngokufanayo nakwiisizini ezimbini ezigqithileyo.
ElezoThutho lithi liyaxhalabisa inani elonyukileyo lokubhubha kwabantu ePhondweni!