Iqala kule mpelaveki imidlalo yeLFA eCala

Izakuvulwa ngokusesikweni ngomhla weshumi elisithandathu kule imiyo imidlalo yeLocal Footbal Association kwidolophi yaseCala, ngokwengxelo yomququzeleli wale midlalo uDelihlazo Bambatha kudliwano ndlebe alenze neli phephandaba.

Lo kaBambatha uthe, zonke izicwangciso zabo zalo unyaka zihamba ngendlela kwaye namaqela ongezelekile ayakutsho kwishumi elinesine eCala.

Umququzeleli uthi, ingxaki eyehle kunyaka odlulileyo yamaqela arhuqa iinyawo xa kufunwa imali yokuzimanya kwiLFA sele eyilungiselele kuba waye wadlalisa iitumente zeegusha xa kuphela unyaka ophelileyo apho amaqela ayengenela ngemali elikhulu elinamashumi amahlanu [R150] kwaba kabini yaze yaba ngamakhulu amathathu [R300] ekhutshwe liqela ngalinye.

Kuthe sele kugqityiwe ukudlalwa le nkokheli yachazela amaqela ukuba lonke eli xesha ebewakhuphisa imali yokuzimanya kule ligi kulungiselelwa lo nyaka ka-2016.

Ngale ndlela kuzakuvele kuqalwe imidlalo yeLFA kungekho magingxi gingxi akhoyo ento yemali, ukuze le isizini ivalwe kwangethuba neqela elizakonyukela kwiligi yeSAB lizilungiselele kwangethuba

. Eli nyathelo likaBambatha linconywe kakhulu ngusekela sihlalo weLFA eSakhisizwe, uMzubanzi Mkobo,watsho esithi ezi zimpawu zobunkokheli nokuqhubela phambili imidlalo.

UMkobo uthe, into emxhalabisayo yeyokuba abadlali abaliqela baseluvalelweni, ezibhedlele bambi baswelekile ngenxa yokuxhaxhana kwiziyunguma zikaDisemba.

Watsho esithi, kulo nyaka kufuneka kwenziwe icebo lokuba abadlali bagcinwe emabaleni bakhwetyulwe kule mikhwa ibulala imidlalo nekamva labo.