Iqale ngesibhaxu iMadibaz kwiVarsity Cup kwisizini entsha

Kusenzima kakhulu kwiqela lombhoxo laseMpuma Koloni ekuphela kwalo kwiVarsity Cup – itumente yombhoxo enkulu ekudibana kuyo amaqela eeyunivesithi zaseMzantsi Afrika. IMadibaz, ephantsi kweNelson Mandela University, iyantwizisa emva kokubethwa kuyo yonke imidlalo eyidlalileyo kwisizini entsha eqaleni kwinyanga ephelileyo. Emalanga ngoMvulo wale veki, iMadibaz ibuye iqhwalela emva kokubhulelwa amasaka ngo’60-26 yiFNB UWC (University of Western Cape) emdlalweni obuseKapa. Ibingumdlalo wesithathu iqela lombhoxo laseGqeberha libethwa emdlalweni weVarsity Cup.

Emdlalweni wokuqala, iMadibazi yabethwa yiFNB Tuks ngo’22-6 ebaleni layo eMadibaz Stadium. Kolandelayo ibethwe yiFNB Wits ngo’31-20 eWits Rugby Stadium. Nangona iMadibaz ijingxela – kodwa iya emdlalweni olandelayo inethemba leziphumo ezinomahluko. Ngomhla weshixhenxe kule yoKwindla, iMadibaz iza kulwa kube mdaka iisali xa idibana neFNB CUT Ixias emdlalweni oza kube useMadibaz Stadium ngentsimbi yesihlany emalanga. Lo iza kube ngumdlalo wamaqela amabini asemsileni. IMadibas, esazingela impumelelo yayo yokuqala, ihleli ekugqibeleni kwindawo yeshumi.

Kanti yona iCUT Ixias ikwindawo yethoba. Kweminye imidlalo yale veki, iFNB UK ibuye ngasemva yoyisa iFNB NWU Eagles ngo’35-14 emdlalweni obukhe waphazanyiswa kakhulu yimvula ebisina ngamandla. Yona iFNB Maties ivuthulule iWits ngo’37-10 emdlalweni obuseDanie Craven Stadium. Emidlalweni yangempelaveki: iNWU Eagles, esaphumelele umdlalo omnye, yamkela iUP Tuks ekwindawo yesine emva kokuphumelela imidlalo emibini. IMaties yona iza kudibana neFNB UJ kwibala laseDanie Craven. Kanti iWits iza kothiswa amalahle yiFNB UFS Shimlas ekwindawo yokuqala. Amaqela waseNtshona Koloni, iFNB UCT neFNB UWC aza kudibana eRugby Fields.