Yenze imbali iQatar ngokuba liqela lokuqala eliphulukene nomdlalo wokuvula iNdebe yeHlabathi ukusukela mhla yasungulwa. Oku kwenzeke emva kokuba iQatar, esingethe itumente yehlabathi kulo nyaka (2022), icanjalaliswe ngamagowuli amabini eqandeni (2-0) yiEcuador emdlalweni weNdebe yeHlabathi obungorhatya lwanamhlanje eAl Bayt Stadium ebesigcwele ngabalandeli bebhola ekhatywayo. Imidlalo yokuvula itumente isoloko itaka iintlantsi, kodwa kule yalo unyaka – khange kube njalo. Umdlalo obuphakathi kweQatar nayo iEcuador ububanda ceke okwempumlo yenja. Kodwa okwakuxolisa iEcuador kukuba izithathele amanqaku amathathu ngaphandle kokutsala nzima emdlalweni wokuqala kaGroup A.
Umdlali ophambili we-Ecuador, uEnner Valencia, ubhakuzelise umnatha ngebhola kwangoko kakhulu kwisigaba sokuqala somdlalo. Emizuzwini elithoba emva kokufaka igowuli lokuqala kwitumente yehlabathi, uValencia ufumene ipenela emva kokuwiswa ngunozinti weQatar, uSaad Al Sheeb, ongakwazanga ukuchitha ibhola ebiyingozi. Uyithathe ngokwakhe uValencia watsho wakhokela ngamagowuli amabini kwitumente yalo nyaka. Emva kwethutyana iQatar ikwazile ukudlala umdlalo ozinzileyo nangona iEcuador ibiyeyona inamandla emdlalweni. Ikhe yazama ukushukumisa, yangathi ingafumana into ngebhola ebikhatywe nguAlmoez Ali phambi kokuphela kwesigaba sokuqala somdlalo. Ngelishwa iinzame zakhe azizelanga nto.
Kuyiwe kwixesha lokuphumla iqengqa iqanda iQatar ekwindawo yamashumi amahlanu kumanqwanqwa weFifa – indawo ephezulu kunamazwe afana noMzantsi Afrika ongakwazanga ukuzibekela indawo kwitumente yalo nyaka. Akukho nto engako engabaliswa ngomdlalo weQatar ngoba ayinamdla ebholeni. Umdlalo wayo ubuphucukile kancinci kwisigaba sesibini – kodwa ibiyidlalela emhlabeni wayo ibhola. Libathwana lamathuba ezamileyo ukuwadala – kodwa nawo ebengacacanga kakuhle. Kulindeleke iSenegal, elinye lamaqela amele izwekazi le-Afrika, izibethe iQatar emdlalweni olandelayo ngoLwesihlanu ozayo. Abathandi bebhola ekhatywayo baza kufumana umdlalo obhetele ngomso xa kudibana iNgilane ne-Iran ngentsimbi yesithathu oya kulandelwa ngomnye ophakathi kweSenegal neNetherlands.
Ibhale incwadi intwazana yakuTsolo efunda uGrade 10