Iqela laseCala lifuna indebe kaSodolophu

IMighty Spurs FC ilungiselela imidlalo yendebe kaSodolophu kamasipala wesithili, iChris Hani. Oku kuza emva kokuba eli qela litywatyushe iBlue Birds FC yaseKhowa ngamanqaku amahlanu kwamane kumapenela kumdlalo wamagqibela kankqoyi wendebe yeSakhisizwe.

Ezi ntshatsheli zaseSakhisizwe zizakudibana neentshatsheli zabanye oomasipala abaphantsi kweChris Hani, abaquka iNgcobo ne-Intsika yethu ngosuku olungekabhengezwa. Ngokomlomo womqeqeshi weSpurs, uMzubanzi Mkobo, bazakwenza konke okusemandleni abo ukuqinisekisa ukuba le ndebe ilala eSakhisizwe. UMkobo uthi isicwangciso sabo sesokuba badibane namanye amaqela aseSakhisizwe kuchongwe abadlali abangoompondo zihlanjiwe kwenziwe isikwati seqela elizakumela lo masipala.

UMkobo uthi, bakubone kubalulekile ukuba xa kuphuhliswa imidlalo umntu angajongi iqela lakhe lodwa, anike abadlali abazimiseleyo nabanesakhono ithuba lokuqaqamba.

“Kukho abadlali abanje- ngo-Atule ‘Adolisi’ Tsotso, weYoung Brazillians FC, odlala kakuhle esifuna ukubanika ithuba lokuzibonakalisa nokubakhulisa, ngethamsanqa iminyaka yabo iyasivumela. Ixesha labaqeqeshi abanomona laphela ngoku siphuhlisa italente yolutsha kwiilali zethu sibambisene sonke,” utshilo umqeqeshi. UMkobo ubakhalimele abadlali abazifaka kwizinto zochuku nopolitiko njengoko kukho ingxokolo ngomba wamabhaso endebe kaSodolophu eSakhisizwe.

Uthi abadlali mabenze oko kulindeleke kubo, umba wamabhaso ngowabaphathi, kwaye bona abazukuyeka ukuqhuba nemidlalo. Oku kuza emva kokuba amaqela aphume kwindawo yokuqala neyesibini enikwe izikipa, iindebe kunye nebhola, esithi uSodolophu weSakhisizwe uMlamli Jentile, uzakubuya alazise usuku ekuzakukhutshwa ngalo onke amabhaso.

UMongameli weSakhisizwe Local Football Assocciation, uMandla Luwaca, uthe uyavuyisana neli qela elinqwenelela impumelelo.