Iqela laseGcuwa lamanenekazi ziintshatsheli zeSasol League!

Iqela laseGcuwa lamanenekazi ziintshatsheli zeSasol League. Umfanekiso: Anele Raziya

Amagowuli
amabini afakwe yifolosi yeThunderbirds Ladies, uZimasa Dekeda, ngawo
 aqinisekisile ukuba iqela laseGcuwa
liyayikhusela indebe yalo yeSasol League kwakhona. IThunderbirds Ladies
ibethe iCity Lads yaseBhayi ngo’2-0 kumdlalo ubujongwe ngamehlo abomvu kwibala
laseWalter Sisulu Univesity, eGcuwa, ngale njikalanga yanamhlanje. Emdlalweni wokugqibela,
iThunderbirds Ladies iye igxeleshe inqaku elinye kuphela ukuze izibeke ethubeni
lokhusela indebe yayo. Kodwa ubuchule bokudlala ibhola obubonakaliswe
nguDekeda
  noogxa bakhe bubo obuze nodumo.

Kuyiwe
ekhefini Ikhefu amantombazana kaThembalethu Apleni ekhokela ngegowuli
elinye elifakwe yinzwakazi yakwaDekeda ebixel’izinyo liqaqamba kwiLads. Iqela
laseBhayi libuye ngamandla futhi lihlasela kwisiqingatha sesibini kodwa
loyiswa kukugqobhoza kubadlali basemva beLadies abadlale umdlalo odibeneyo. Ekuthambekeni
komdlalo, ubuyile kwakhona uDekeda obefudula edlalela iqela
lesizwe labaneminyaka engaphantsi kumashumi amabini, ngokufaka igowuli
lesibini.

Image may contain: 11 people, people smiling, people standing, child, shorts and outdoor

Emva
koko, ufumene ukonzakala okumnyanzeleyo ukuba aphume – kodwa oogxa
bakhe bakwazile ukubambelela emdlalweni kwade kwaphela imizuzu elishumi
elinesihlanu ebisele. 
Lo nto iye
yathetha ukuthi iqela laseGcuwa lifaka egxoweni amanqaku amathathu, latsho
lafumana ithuba lesibini lokuya kudlala kwiSaso League National
Championships kwinyanga ezayo. Amantombazana kaApleni aphethe isizini
enamanqaku angamashumi asibhozo anesibini (82), adlale ntanganye kumdlalo omnye
kule sizini aze aphumelela imidlalo engamashumi amabini anesixhenxe (27). Yona
iLads ihleli kwindawo yesibini kwiSasol League inamanqaku angamashumi
asixhenxe anesibini (72) kwaye isashiyekelwe yimidlalo emibini.