Iqela laseGcuwa lifunde isifundo kwiWomen’s National League

Thembalethu Apleni.

Iqela lebhola ekhatywayo lamantombazana, iThunderbirds Ladies, lifunde isifundo kwisizini yayo yokuqala kwiSAFA Women’s National League.

Eli qela laseGcuwa lifince isizini lihleli kwindawo yeshumi emva kokuqokelela amanqaku alishumi elinesithandathu emidlalweni engamashumi amabini anesibini eliyidlalileyo.

IThunderbirds iphumelele imidlalo emine kuphela kwisizini yonke, yabethwa kwelishumi elinesine, yaze yadlala ntanganye kwemine.

Emdlalweni wokugqibela, iLadies ibethelwe eMonti ngo’3-2 yiRichmond Ladies kutshanje.

Umqeqeshi weli qela, uThembalethu Apleni, uthi isizini ibinzima kodwa ikhona into abayifundileyo kuyo.

OkaApleni uthi bekungekho lula ukukhuphisana namaqela afana neMamelodi Sundowns, iBloemfontein Celtics Ladies namanye amaqela aphambili ngoba elakhe iqela alinazo izixhobo ezifanelekileyo.

“INational League yenziwe ngamaqela wePSL afana neMamelodi Sundowns Ladies, Bloem Celtic Ladies, iiYunivesithi kwakunye namaqela aphuma ekuhlaleni. Ewonke loo maqela awafani ngokwezixhobo anazo,” utshilo uApleni.

Uthi bona bekunyanzeleka bahambe ngebhasi ukusuka eMpuma Koloni ukuya ePolokwane, bafike phaya iinyawo zabadlali zidumbile kodwa badlale nangona kunjalo.

Indlela yokuhamba yenye yezinto azibalulekileyo kwezo ezithe zalisokolisa kakhulu iqela lakhe.

Ukwathi enye into ebathwaxileyo kukungacwangcisi ngendlela efanelekileyo phambi kokuba kuqale isizini ngenxa yokubethakala kwicala lemali.

Baphinda banelishwa lokonzakalelwa ngabadlali babo abaphambili kumjikelo wokuqala wesizini, ekubeni bebengenalo nenani elaneleyo labadlali.

Nangona kunjalo, uApleni uthi bafundile kuzo zonke ezo zinto kwaye bazixelele kwisizini ezayo baza kutyikitya inani elaneleyo labadlali.

Kangangokuba uthe bafundile ukuba umgangatho weWomen’s National League awufani noweSasol League – apho ukwaziyo ukudlala isizini uyigqibe ngabadlali abambalwa.

Uvalelise ngelithi uxolile yindlela abadlale ngayo abadlali bakhe kumjikelo wesibini wesizini ngoba bakwazile nokubetha amanye wamaqela awayebethe iqela lakhe kumjikelo wokuqala.

Kwaye lo nto uyibona njengechazayo ukuba bebesele bewubamba umcimbi kodwa ngelishwa yaphela isizini.