Iqela laseMdantsane livuyela ukoyisa kwitumente yomnyazi eMngqesha

Umphathi we-EB Stars, uVictoria Martin, uthi bonwabe kakhulu emva kwempumelelo efunyenwe liqela lakhe kutshanje. Iqela lomnyazi eliphuma eMdantsane, iEB Stars, litshayele kwanto ephambi kwalo kwitumente yomnyazi ekuthiwa yiNetball Heritage Tournament ebibanjelwe eMngqesha. Phakathi kwamaqela athathe inxaxheba kuyo aquka iHungries, iPillars, iLenye United, Abahlobo, iKwano Greenify, iHappy Hearts, iEB Stars, iThembu Warriors, iYoung Chiefs, iBlackpool, iTonardo neYoung Attackers. Emidlalweni yamanqam, iHangries ibethe iExperience ngo’14-11 yona iEB Stars yabetha iYoung Chiefs ngo’17-7.

Emdlalweni wokugqibela wetumente, iEB Stars yoyise iHungries ngo’24-8 yatsho yagoduka nendebe. UMartin, obengomnye wabaqeqeshi, ubaqhwabele izandla abadlali bakhe watshi esithi baliphakamisile igama leqela lakhe nendaweni yaseMdantsane enyakeni omnye likhona iqela. “Ndonwabe kakhulu emva kokuphumelela kweqela lam. Eyona nto esonwabise kakhulu yindlela abadlali abadlale ngayo itumente nangona umqeqeshi wabo ebengekho. Kuhle ukubona abantwana bam bekwazi ukuzimela kwiyumente efana nale sisuka kuyo. Benze kanye le nto besiyicela kubo emidlalweni. Kodwa yonke into iqale sisaziqeqesha phaya ejimini,” utshilo uMartin.

“Inkulu kuthi kakhulu into yokubambisana kwabo ebaleni. Esikuncomayo kweli qela yindlela elidlale ngayo namaqela elingaqhelanga ukudlala nawo. Yiminyaka emibini iEB Stars ikhona. Ukuphumelela indebe kuthetha ukuthi sikhulile. Ngoba sizimisele ukuba liqela elinamandla, sifuna ukubeka iingqondo zethu ezintweni zethu ukuze sikhule ngakumbi. Akukho tumente esiyijongileyo okwangoku – kodwa ukuphumelela kwethu kuphakamise ukuzithemba ebadlalini nakwiqela lethu lonke. Okuhle ngetumente esisuka kuyo kukuba sitsho sabhaqa neendawo ezifuna ukuqiniswa,” utshilo uMartin. Abadlali beStars: nguSinelihle Tupha, uLiyabona Mhlaba, uBukho Meyi, uYanelisa Davane, uSinalo Jaji, uSiwaphiwo Clif, uSanele Tomani, Unathi Khimbici, Aseza Bhabha noNolitha Hlabi.