Iqela lebhola ephondweni lilungiselela imidlalo kazwelonke

Ayaphekwa kwinkampu eseMthatha amakhwenkwe azakumela iMpuma Kapa

kwimidlalo yeSAB League Under-21 National Championships ezizakuba sePitoli

kwiveki yesibini kwiveki ezayo. Eli qela lenziwe ngabadlali abalishumi elinesibhozo abachongwe kwiidyogwana ezidlala kwiSAB League kweli phondo. Umqeqeshi , uNkululeko Malgas, uthi eli qela lenziwe ngabadlali abaphuma kwingingqi yase-Amathole, O.R. Tambo, Joe Gqabi, Chris Hani, Cacadu, Nelson Mandela Bay ne-Alfred Nzo. “Aba badlali bachongwe ngomhla wamashumi mathathu kwinyanga ephelileyo kwibala lebhola leyunivesithi iWalter Sisulu eseGcuwa nalapho kwakudlala khona ezi ngingqi. Ingingqi nganye yeza neqela elichongileyo kwi-SAB Regional League yayo saze sawathelekisa, emva koko sakupha abadlali abalishumi elinesibhozo abazakumela eli phondo,” utsho uMalgas. Kuvakala ukuba eli qela lizakuthi likhuphisane namaqela aphuma kwamanye amaphondo kwakunye neqela elichongwe kwiiYunivesithi zeli nelizakuwenza abelishumi la maqela xa ewonke.

Konke oku kwenziwa ngentsebenziswano nombutho webhola ekhatywayo kweli iSouth African Football Association, kwaye kukwabhiyozelwa neminyaka elishumi elinesihlanu kukho le ntsebenziswano. Le midlalo yeSAB Under-21 National Championships sele ivelise abadlali abafana nomdlali wasemva kwi-Orlando Pirates, uHappy Jele, Andile Jali kwakunye noReinelwe Letsholonyane weKaizer Chiefs nabangonoozakuzaku bale midlalo.

Eli qela kulindeleke ukuba linduluke ngempela veki ukusingisa ePitoli apho lizakudlala le midlalo.