Iqela leembaleki zaseMthatha licela uncedo

Iimbaleki zeqela laseMthatha elitsha zidinga inkxaso ukuze zibaleke kwimidyarho Umfanekiso: Uthunyelwe

Usihlalo weqela elitsha leembaleki eMthatha unephupha lokuguqula ubomi nemo yentlalo yendawo yakhe.

Kunyaka ophelileyo, uNwabisa Magade, wathatha isigqibo sokusungula iqela ekuthiwa yiAthletic Club ngenxa yokubona imeko engentlanga kwindawo yakhe ekuthiwa yiFairfield.

Njengomntu onethuba elide wazibandakanya kwezeembaleki, uMagada waseka iqela leembaleki ukuze aphephise ulutsha kwizinto ezingalunganga ezenzeka ekuhlaleni.

Eyona nto inzima nemsokolisayo ngoku uNwabisa kukuba akanayo imali yokuthwala zonke iindleko zeqela lakhe ngoba lineembaleki eziphuma emakhayeni ahluphekayo.

Lo nto yenza kube nzima kakhulu. Yiyo lo nto ethe makakrwece I’solezwe lesiXhosa aye wabelana nalo iingxaki ajamelene nazo nezinto anqwenela zenzeke.

Iqela lakhe lineshumi elinesihlanu lonke leembaleki ezibhalisiweyo ngokusemthethweni, kubekho nezinye iimbaleki ezisencinane ezinethemba lokuba ziintshatsheli zangomso.

“Siqale eli qela leembaleki kunyaka ophelileyo,” utshilo uNwabisa encokweni nentatheli yeli phephandaba.

“Kudala ndaba ngumntu obalekayo. Kodwa ndiye ndachukunyiswa yimeko yolutsha ukuze ndicinge ukusungula iqela leembaleki. Sineembaleki ezineminyaka esixhenxe nezindala ezibaleka kwimidyarho eyaziwayo. Lishumi elinesihlanu lonke leembaleki ezibhaliswe ngokusemthethweni kwiqela lethu. Kodwa zikhona nezo ezisakhasayo,” utshilo uMagade.

Njengalo naliphi iqela lezemidlalo elisezilalini, iAthletic Club, ayinazo izixhobo ezinokuthi zincede iimbaleki. Lo nto ibangele uNwabisa ahambe ecela amalizo kuwo wonke umntu onokuthi akwazi ukunceda ngohlobo akwazi ngalo.

“Ezona zinto esizidingayo zizihlangu zokubaleka, iivesti nenkxaso kwicala le nto yokuhambisa iimbaleki zethu xa zisiya emidyarhweni. Sibeka phambili izinto ezifana neeteki ngoba zizo ezincedisa kakhulu iimbaleki. Ngabantwana abona badingayo; noko abanye bethu bayakwazi ukuzithengela ngoba bayasebenza,” utshilo uMagade.