Iqela lesizwe libuyela eMonti kwakhona!

y Stadium izakusingatha umdlalo obalulekileyo ophakathi kweBafana Bafana neZambia kwiveki ezayo. Umfanekiso: Pedro Mapelo

Abalandeli bebhola ekhatywayo eMpuma Koloni bawelwe ngumqa esandleni kwakhona. Oku kuza emva kokuba umbutho olawula ibhola jikelele, iSouth African Football Association, ubhengeze okokuba umdlalo ohlakulela iCHAN ophakathi kweBafana Bafana neZambia uzakudlalelwa eBuffalo City Stadium.

Lo mdlalo uzakudlalwa ngomhla weshumi elinesibini kule nyanga ngo’15:00 emalanga. Iqela lesizwe loMzantsi Afrika lidlulele phambili kwimidlalo ehlakulela itumente yeCHAN emva kokubetha iBotswana izihlandlo ezibini kutshanje. UStuart Baxter ubhengeze amashumi amabini anesihlanu amagama wabadlali abazakuthatha inxaxheba kulo mdlalo kwiveki ephelileyo kwaye uya (uStuart Baxter) kulo mdlalo enethemba leziphumo ezihle.

ABafana Bafana babuyela eMonti okwesibini kulo nyaka emva kokudlala ntanganye ngeqanda  (0-0) nelizwe lase-Angola kumdlalo wobuhlobo kwiinyanga ezimbalwa ezidlulileyo. Ngelo xesha iqesha lalisabhexeshwa ngu-Owen Da Gama owayebambele emva kokugxothwa kukaShakes Mashaba ekupheleni konyaka ophelileyo (2016). Kulindeleke abadlali bagaleleke enkampini ngeCawe yale veki. Amatikiti azakuthengiswa ukusukela ngoMgqibelo kwiivenkile zakwaShoprite naseComputicket kwilizwelonke ngeR40 kuphela.