Iqela likaDesiree Ellis liya emlweni ngaphandle kukaKgatlane

UNthabiseng Ronisha Majiya, ofake igowuli, ebhiyoza nabanye abadlali emdlalweni obuphakathi koMzantsi Afrika neBotswana. Umfanekiso: Samuel Shivambu/BackpagePix

Iqela lesizwe loMzanti Afrika lamantombazana liqhube kakuhle kakhulu kumjikelo wokuqala weWafcon. Amantombazana kaDesiree Ellis athe ngcu encochoyini kaGroup C emva kokubetha iNigeria, iBurundi neBotswana ngokulandelelana. Nangona kunjalo, ingxaki ikhona enkampini yaBanyana Banyana emva kokonzakala komdlali ophambili, uThembi Kgatlana, kwaye lo nto iza kuphazamisa kakhulu iqela njengokuba lincwase ukulwela ukuphumelela indebe yeWafcon kulo nyaka. Ekuqaleni kweveki, uGqirha Rodney Mokoka, uthe uKgatlane ukrazukelwe ngumsipha. Lo nto ithethe ukuthi angeke aphinde adlale kwiWafcon.

UKgatlane wonzakele emdlalwe uMzantsi Afrika obethe kuwo iBotswana ngegowuli elinye eqandeni. Impumelelo yaBanyana Banyana ifumaneke emva kwegowuli elifakwe nguNthabiseng Majiya kwisigaba sesibini somdlalo. Ngoku uMzantsi Afrika ulungiselela ukudibana neTunisia emdlalweni wamanqam oza kube useStade Moulay Stadium namhlanje (Lwesine) ebusuku. Itumente yamanenekazi adlala ibhola ekhatywayo ingena kuvuthondaba kule veki ngoba amaqela amane ashiyekileyo alwela indebe nokuzibekela indawo kwitumente yehlabathi eza kusingathwa yiAustralia neNew Zealand kunyaka ozayo. Ukudlala neqela elifana neTunisia akululanga emva kokuba liyiphumelele yonke imidlalo yalo.

Kufuneka uDesiree Ellis axoze omnye umphini ngokukhawuleza ngoba umthwalo uza kuba nzima kakhulu ngaphandle kukaThembi Kgatlane. Bakhona abanye abadlali – kodwa uThembi ungumdlali obalulekileyo ngoba unamava kwiWafcon nakwitumente yehlabathi. Emva kokwenzakala kwakhe, uKgatlane uyibulele inkxaso ayifumene ebantwini. “Ukonzakala yinto yasemidlalweni. Ndiyayibulela inkxaso yenu, ndiza kubuyela ebaleni kwakhon,” utshulo uKgatlana odlalela iRacing Louissville FC. Ezinye iindaba ezibembi kukuchatshazelwa kwamalungu amabini yiKhorona enjampini yaBanyana Banyana.