Umqeqeshi weBloemfontein
Celtic, uSteve Komphela, uncume olukaBhulankethe emva kokuba iqela lakhe lizuze
amanqaku amathathu kumdlalo wokuqala kwisizini entsha. IBloemfontein Celtic
ibethe iChippa United ngo’2-0 omhle kumdlalo we-Absa Premier Soccer League
obubanjelwe eDr Molemela Stadium ngale njikalanga. Nakubeni uKomphela exelele
iSABC Sport ukuba iqela lakhe alikafiki kumgangatho awufunayo – kodwa iziphumo
zomdlalo uzamkele kwaye ngoku liphakathi kwamaqela aphambili kwiPSL. Kwimizuzu yokuqala
yesiqingatha sokuqala, umdlalo ubuthe chu ngoba bekungekho qela lifuna
ukulahlekelwa futhi esafundana.
UMark Mayambela,
onikwe uxanduva lokukhokela iChippa, ngoyena mdlali obonakele elawula indlela
iqela elidlala ngayo – kodwa ebedlalela kude kumhlaba kanozinti weCeltic.
Ayikwazanga ukusebenzisa ithuba iChippa United emva kokuba uKurt Lentjies
oyiswe yibhola phakathi ebhokisini. Uye wafunquka umdlalo weChippa kwakungena
uThamsanqa Sangweni ongene endaweni kaBoikanyo Komane ofikayo. Isiwelele
itsazise igazi kuqala phambi kokuya ekhefini. Igowuli lifakwe nguTebogo Potsane
oshiye amadoda ezizigede phantsi phambi kokubetha iDaniel Akpeyi. Igowuli lesibini
lifakwe nguTshagofatso Mabasa owiswe nguThabo Ntethe ebhokisini kwisigaba
sesibini somdlalo. IChippa United idibana ne-Orlando Pirates ngoLwesithathu
ingciphuza kumdlalo wayo wesibini.
Komnye umdlalo,
iGolden Arrows iizibethele iMaritzburg United ngo’2-0 kumdlalo wabakhaya eHarry
Gwala Stadium ngale njikalanga. Izolo iPirates ibambene
ngo’1-1 kumdlalo obe-Orlando Stadium. ICape Town City ibethe iSuperSport United
ngo’2-0; iBidvest Wits ingombe iFree State Stars ngo’3-0; abatshakazi iBlack
Leopards ibethe iPolokwane City ngo’1-0 kanti kumdlalo wokuqala kule sizini,
iMamelodi Sundowns ibambene neKaizer Chiefs ngo’1-1 kumdlalo obuvutha bhe
eLoftus Versfeld Stadium izolo.
Pfumbidzai, Rikhotso, Ndengane, Mabena, Mashikinya, Potsane, Gordinho, Dlamini,
Phalane, Mabasa.
Amalalela: Dambe,
Sam, Nyundu, Masuku, Maema, Ndou, Letsoalo.
Chippa United:
Akpeyi, Tlolane, Nthethe, Nsabiyumva, Makobela, Mbokoma, Komane, Mbenyane,
Shongwe, Mayambela, Lentjies.
Amalalela: Mothwa,
Macheke, Mthiyane, Sangweni, Mahola, Klate, Kgamanyane.
UTinkler ufuna ukuyibetha iChiefs – qha unexhala leefolosi zayo!