Iqhwatyelwe izandla iSunrisers Eastern Cape etshatshele kwiSA20 Championship!

Umphathiswa wezemidlalo eMpuma Koloni, uNksz. Nonceba Kontsiwe, uyiqhwabele izandla iSunrisers Eastern Cape etshatshele kwiBetway SA20 Championships. Iqela laseGqeberha libe ziinkunzi emdlalweni weqakamba yaseMzantsi Afrika emva kokuba libethe iPretoria Capitals ngoothinti abane emdlalweni wamagqibelakankqoyi obubanjelwe eWanderers Stadium emalanga ngeCawe egqithileyo.

Njengokuba ibisisiqendu sokuqala seBetway SA20 Champions, iSunrisers Eastern Cape kuye kwanyanzeleka ukuba isebenzise ukukhalipha nobuchule bokudlala iqakamba ukuze yoyise iPretoria Capitals eyidlale kakuhle itumente futhi ebidlalela ekhaya kwiphondo laseGauteng.

“Sizingomba isifuna ngomsebenzi owenziwe yiSunrisers. Into eyenzileyo iyabonisa ukuba iMpuma Koloni inamandla emdlalweni weqakamba. Iqela likwazile ukumanya abantu bephondo futhi alabaphoxa. Sinethemba lokuba impumelelo ezuzwe yiSunrisers iza kuba khuthaza abaninzi,” utshilo uMphathiswa.

Ekuqaleni kwetumente, abantu abaninzi khange bayijonge iSunrisers njengeqela elinokuphumelela indebe. Kodwa ngenxa yokuzimisela kwabadlali, likwazile ukuphumelela likhokelwa nguRoelof van Merwe oxhaswe nguSisanda Magala abafumene oothinti abaliqela emdlalweni wokugqibela obubukelwe ngamawakawaka abathandi beqakamba.

Ikhutshwe yonke iPretoria Capitals yenze ikhulu elinamashumi amathathu nesihlanu emitsi. Noxa iSunrisers ingaqala kakuhle kumangeno wayo – kodwa umsebenzi omhle owenziwe ngu-Adam Rossington noMarco Jansen ngawona madoda aqinisekise ukuba indebe yokuqala yeBetway SA20 Championship iya eGqeberha, eMpuma Koloni.

Emva kwetumente, abadlali beSunrisers bawole amawonga. Abadlali abafana noRoelof van der Merwe noMarkram bafumene amawonga abalulekileyo wetumente. Emva kwetumente, uVan der Merwe uthe: “iSunrisers ibingayithatha indebe yeBetway SA20 Championship ngaphandle kwam. Into endisazama ukuyifumana kukuba kutheni abantu bengakhange bacinge ukuba singaphumelela ekuqaleni kwetumente.”