Kuthe qabu kumqeqeshi weRoyal Am, uJohn Maduka, emva kokuba iqela lakhe liphumelele okokuqala kwisizini yeDStv Premiership. Emdlalweni weDStv Premiership obunzima kakhulu, iRoyal Am igqithe kwiTS Galaxy ngegowuli elinye eqandeni eHarry Gwala Stadium emalanga namhlanje. Ukungaphumeleli emidlalweni emine bekuza kumnyanzela uMamkhize ukuba axoze omnye umphini ngoba iqela lakhe beliza kulibhaqa lisengxakini. Noko ngoku Kodwa ngoku kutsho kwehla izibilini nakuye umqeqeshi. Igowuli elifakwe ligqala, uThabo Matlaba, lilo elenze umahluko emdlalweni wanamhlanje. Umdlalo unike umdla zisuka ngoba bekudibene amaqela ayibeka phantsi ibhola futhi akwaziyo ukuhlasela. Kodwa yiTS Galaxy edlale umdlalo ubhetele kwisigaba sokuqala somdlalo.
ULindokuhle Mbatha, onomkhwa wokugcina ibhola ixesha elide, ukhe wazama ukushukumisa kwimizuzu yokuqala yomdlalo – kodwa akabhaqanga nto emva kokuqhawulwa kwebhola yakhe. Omabini amaqela aye kwixesha lokuphumla engananto ebhodini. Kwisigaba sesibini, uxinizelelo belikwiRoyal Am ngoba ibiyiyo esakhangela amanqaku amathathu okokuqala kule sizini. Yona iTS Galaxy ibizibethele iKaizer Chiefs kwiveki ephelileyo. UMaduka ufake uMfundo Thikazi, yona iTS Galaxy ifake uSphiwe Mahlangu noThabang Rakwena. Wenze umahluko uThikazi ngoba nguye onikele uThabo Matlaba ofake igowuli lokuqala nelokugqibela emdlalweni wanamhlanje.
Igowuli elifumeneyo iRoyal Am ibe ngumvuzo wokudlala kwayo umdlalo ongcono ngaphezulu kunesigaba sokuqala somdlalo. Abadlali beTS Galaxy, bekhokela nguBernard Parker, khange bayekelele konke konke emdlalweni – kodwa ngelishwa labo, into abangakwazanga ukuyenza kukufaka igowuli emnatheni noxa amathuba ebekhona. Ukubethwa kwayo iTS Galaxy ziindaba ezimbi ngoba ibiza kunyukela phezulwana futhi ifuthele emagxeni weSuperSport United ehleli kwindawo yesibini emva kokuba ibethe iStellenbosch FC ngo’2-1 emdlalweni wayizolo eDanie Craven Stadium. UJohn Maduka uzamkele ngovuyo iziphumo zomdlalo wanamhlanje watsho evuma ukuba iqela lakhe alidlalanga kakuhle kwisigaba sokuqala – kodwa iimpazamo lizilungisile kwisigaba sesibini.
Ngamaziko olwazi kuphela anegunya lokuvelisa ulwazi?