iRoyal AM ihleli kwindawo yesibini emva kokubulala iTS Galaxy ebaleni layo

UVictor Letsoalo weRoyal AM evuyela igowuli lakhe alifake kwiTS Galaxy emdlalweni weDStv Premiership obubanjelwe eMbombela Stadium namhlanje emalanga. Umfanekiso: Dirk Kotze/BackpagePix

Iqela likaMamkhize, iRoyal AM, libonisile ukuba lifuna ukufumana indawo ephezulu xa kuphela isizini ngokubetha iTS Galaxy emdlalweni wanamhlanje. Amakhwenkwe kaJohn Maduka aphumelele ngemvula yamagowuli amane kwelinye jwi (4-1) emdlalweni weDStv Premiership obubanjelwe eMbombela Stadium ngenjikalanga yanamhlanje. Bekunyanzelekile iTS Galaxy izame ukufumana amanqaku amathathu ukuze ibhekele emaqeleni ajingelwa lizembe ekupheleni kwesizini. Nangona umdlalo ukhe wahamba ixesha elide kungekho qela elibhalisileyo ebhodini – kodwa iqhufuze iqanda iRoyal AM ngebhola efakwe ngentloko nguVictor Letsoalo onikelwe nguZukile Mkhize emzuzwini wamashumi amathathu.

Emva kwemizuzu embalwa emva koko, uLetsoalo ubhakuzelise umnatha okwesibini emdlalweni obukwiphondo laseMpumalanga. Iphendule iTS Galaxy ngepenela emva kokuwiswa kuka-Augustine Kwem. Kwisigaba sesibini, iRoyal AM ifumene igowuli lesithathu ngebhola efakwe nguNdumiso Mabena. Nakubeni abadlali abafana noLindokuhle Mbatha noMenzi Ndwandwe bezamile ukudala amathuba kwisigaba sesibini somdlalo – kodwa iinzame zabo azizanga nanto.

UMfundo Thikazi ubethelele isikhonkwane sokugqibela emdlalweni ngegowuli alifake kwixesha elongezwe ngusompempe. Nangona iChiefs iqhube kakuhle eGqeberha – kodwa iRoyal AM isahleli kwindawo yesibini. Kweminye imidlalo yanamhlanje, iStellenbosch FC sibambene ngegowuli elinye macala neSekhukhune United emdlalweni obuseDanie Craven Stadium emalanga namhlanje. Kanti yona iKaizer Chiefs izibethele iChippa United ezikayo ngamagowuli amathathu kwelinye emdlalweni obubanjelwe eNelson Mandela Bay Stadium.

TS Galaxy: Buthelezi, Seedat, Munyai, Sanoka, Msimango, Mbatha, Aubaas, Nduli, Mongae, Brooks, Kwem.

Amalalela: Kolak, Mbunjana, Teto, Lekay, Leon, Mahlangu, Mere, Ndwandwe, Hlongwane.

Royal AM: Nyame, Mkhize, Matlaba, Mabena, Nascimento, Mashikinya, Manganyi, Rikhotso, Mahlasela, Macuphu, Letsoalo.

Amalalela: Huegh, George, Thikazi, Pelembe, Potsane, Phalane, Kobedi, Matjila, Ncobeni.