iRoyal AM naBafana Bes’thende baqengqe iqanda eChatsworth Stadium

UPule Mmodi weGolden Arrows noKabelo Mahlasela weRoyal AM besilwela ibhola emdlalweni weDStv Premiership obunamhlanje eChatsworth Stadium. Umfanekiso: Muzi Ntombela/BackpagePix

Amaqela aKwaZulu-Natal agoduke egoqoza nenqaku elinye macala emva komdlalo wedabi lobukhaya namhlanje. Oku kwenzeke emva kokuba Abafana Bes’thende bebambene ngeqanda neRoyal AM ebibuthuntu emdlalweni weDStv Premiership obubanjelwe eChatsworth Stadium. Omabini amaqela aqale umdlalo ngesantya esiphezulu futhi kubonakala ukuba alambele amanqaku amathathu. Nangona bekunjalo – kodwa akubangakho nalinye elikwazileyo ukubhalisa ebhodini kwisigaba sokuqala somdlalo.

Izitshovutshovu zeRoyal AM ezifana noNdumiso Mabena noMenzi Masuku zizamile ukudala amathuba okufaka amagowuli – kodwa yala iGolden Arrows emva ikhokelwa ngunozinti wayo odlale kakuhle, uNkosingiphile Gumede. Emva kokubhutyuza kwisigaba sokuqala, omabini amaqela aphinde athathana kwesesibini isiqingatha. Naso isigaba sesibini siziqaqambise ngomdlalo omhle – kodwa into ebimbi kukunqaba kwamagowuli nangona amathuba ebekhona emdlalweni.

Emizuzwini yokugqibela yomdlalo, uKnow Mutizwa noNqobeko Dlamini bazamile ukufaka igowuli – wala kwaphela uNyame ezipalini. Naye uGumede kwelakhe icala unqande amanzi engena endlini emizuzwini yokugqibela. Emva komdlalo wanamhlanje, iRoyal AM ihleli kwindawo yesine emva kokuqokelela amashumi amabini anesithathu amanqaku emidlalweni elishumi elinesihlanu. Yona iGoldena Arrows ihleli kwindawo yethoba, iqokelele ishumi elinethoba lamanqaku emidlalweni elishumi elinane.

Royal AM: Nyame, Mkhize, Mashikinya, Mabuza, Letsoalo, Matjila, Manganyi, Phalane, Mahlasela, Mabena, Masuku

Amalalela: Mabokgwane, Dlamini, Sera, Lingwati, Monamodi, Pelembe, George, Maxwele Ncobeni.

Golden Arrows: N.Gumede, Zuke, Ndlovo, Mantshiyane, M.Dube, Dlamini, L.Dube, Magubane, Mmodi, Sibiya, M.Gumede

Amalalela: Mbatha, Nxadi, Mtshali, Fikizolo, Ndwandwe, Cele, Nkosi, Gumbi, Mutizwa.