Irvin Khoza: Sibe njalo ke isiphelo seBleomfontein Celtic

Usihlalo wePSL, uDr Irvin Khoza, ethetha neentatheli ekuqaleni kwale veki eGoli. Umfanekiso: Sydney Mahlangu/BackapagePix

Abantu bephondo laseFree State, ngakumbi abalandeli bebhola, bashiyeke benxubile emva kokubhanga kweBloemfontein Celtic, eyasekwa kumashumi amahlanu anesibini (52) eminyaka eyadlulayo. ICeltic ithengwe ngusomashishini waKwaZulu-Natal, uNksz. uShaun Mkhize, ngemali eqikelelwa kumashumi amahlanu ezigidi zerandi (R50-m). Ukuthengwa kwelinye lamaqela elinabalandeli abaninzi kuqinisekisiwe ngusihlalo wePSL, uGqirha Irvin Khoza, kwindibano yamajelo eendaba ngoLwesibini wale veki. “Into ebalulekileyo ekuthengweni kweCeltic sithe malungabinamaqhina ngoba baninzi abantu abachaphazelekayo. Kukho into esixoxe ngayo kakhulu kuyo yonke le nto: imeko yezimali yeqela nenkqubo yePSL ngokubanzi.

Zizinto ezi esijongana nazo yonke imihla ebholeni. Siyakufuna ukukhusela imbali yeqela – kodwa ingxaki esijongene nayo luzinzo lwezimali. Noxa singayithandi into yokuthengiswa kwamaqela, kufuneka siqinisekile ukuba yonke lo nto yenziwa kakuhle,” utshilo uKhoza. “Xa umntu esithi andikwazi ukumelana neendleko zeqela, thina sithini? Thina siyiPSL sinoxanduva lokuqinisekisa ukuba kukho amaqela alishumi elinesithandathu xa kuqala isizini. Asinabantu abaninzi abanemali eninzi ebholeni yaseMzantsi Afrika. Yiyo lo nto sithathe iintsuku ezintathu zonke sixoxa lo mba. Kuko konke okwenzekayo, kufuneka sikhusele imisebenzi yabadlali nabasebenzi,” utshilo uKhoza.

Kupasisiwe ukuguqulwa kweCeltic, ngoku yiRoyal AM ebiguqulwe yayiTshakhuma Tsha Madzivhandila emva kokuthengwa ngusomashishi waseLimpopo. Ukuguqulwa kwamagama kuthetha ukuthi yiBloem Celtic engekhoyo ebholeni yaseMzantsi Afrika. Abadlali abebedlalela iCeltic kunyanzeleke bafudukele KwaZulu-Natal – apho baphantsi komphathi omtsha. Ngokokutsho kukaMnu. Max Tshabalala, umnikazi weRoyal AM ugqibe kwelokuba uJohn Maduka, uAbraham Nteo, uDitheko Mototo noSimon Gopane abathathe njengabaqeqeshi.