Isaac: ‘Makwenziwe utshintsho kwiPirates’

Namhlanje I’solezwe lincokola nomlandeli we-Orlando Pirates ongaxolanga kwaphela yinkqubo yeqela lakhe kwisizini ephelileyo. Le ndedeba ithi ingavuya ukuba kungenziwa iinguqu.

Pedro Mapelo (PM): Khawuthi gqaba gqaba, ungubani?

Khayalethu Isaac (KI): Mandibambe ngazo zozibini Mkhuluwa wam. Mna ndinguKhayalethu “Kasta”Isaac, oyinzalelwane yaseMthatha, kodwa ke ndixelenga kwesi sixeko saseMonti, ngoko ndabangumhlali walapha.

PM: Uqale ninni ukulandela i-Orlando Pirates, ibhola yona uyifunde koobani?

KI: Ndizalelwe kweli qela kuba sonke ekhaya silandela i-Orlando Pirates. Ixhego elindizalayo belisithatha sisebancinci xa kudlala Umtata Bucks nePirates siyobukela phaya e-Independence Stadium eMthatha, noba ubuyodlala nabanye abantwana, ngentsimbi yesithathu bekulindele ukuba sibukele eli qela, sisonke silusapho,

PM: Ingaba kunjani ukubangumlandeli wePirates?

KI: Kumnandi kakhulu kuba ke siyakhana, sincedane, silila sonke, sonwabe sonke. Yiyo lo nto sabona ke singabalandeli ukuba masiqokelelane senze isebe kule dolophu. Mandibulele kuMagqiyazana akwaSikhakha (uSinazo noNontsikelelo) uLuleka Isaac, nomnumzana uBamla nabanye, kwakungalalwa siseka eli sebe.

PM: Kubaluleke ngantoni ukuqokelelana ndawonye kwabalandeli?

KI: Kubalulekile kuba kusifundisa ukwazi ukuzihleka xa siphazamile, kusifundisa unyamezelwano nothando omnye komnye nokukwazi ukuvula intliziyo kwiingingqi esihlala kuzo, uyakukhumbula mlesi sikhe savela kweli phephandaba sinceda amakhaya ahlelelekileyo.

PM: Ayiqhubanga kakuhle iPirates kwisizini ephelileyo, ucinga ukuba ingxaki ibephi?

KI: Ingxaki esibenayo engamandla ngumqeqeshi wethu ongekabinamava. Andifuni kuthi besidiniwe kuba indlela ebesidlala ngayo ibiphucukile kodwa soyiswe kukugqibezela.

PM: Ufuna kwenziwe iinguqu…

KI: Andingethandi ahlale * -Eric Tinkler ngenxa yezi zizathu; kule sizini iphelileyo singene ngongciphu-ngciphu kumaqela asibhozo, sikhe salengalenga kwindwawo yeshumi elinesine, nto leyo ingaqhelekanga kweli qela. Okokugqibela unabadlali bakhe abathandayo noba abasenzi yona, makakhululeke mkhuluwa usothuse gqithi.

PM: Ngubani oyena mdlali umthandayo?

KI: Ngu-Edwin Gymah, yindlela azinikela ngayo xa edlala.

PM: Iqela lakho njengomlandeli…

KI: Felipe Ovono, Happy jele, Ayanda Gcaba, Edwin Gymah, Thabo Matlaba, Thabo Qalinge, Oupa Manyisa, Issa Sarr, Thabo Rakhale, Lehlohonolo Majoro, Tendai Ndoro.

PM: Unqwenela kwenzeke ntoni kwisizini ezayo?

KI: Masifumane umqeqeshi omtsha, onamava, abadlali banikwe ithuba elilinganayo.