iSABC nePSL zibambene ngoobhongwane kwakhona!

PSL Chairman Dr Irvin Khoza during the PSL Board of Governors on 12 July 2018 at Sandton Convention Centre Pic Sydney Mahlangu/BackpagePix

Kugquba
iyantlukwano kwakhona phakathi kweSABC nePSL. Ngenjikalanga yanamhlanje, iPSL
ikhuphe ingxelo ebhaliweyo ethi umdlalo wokugqibela weTelkom Knockout ophakathi
kwe-Orlando Pirates neBaroka FC ngomso eNelson Mandela Bay Stadium, eBhayi,
ngeke usasazwe ngqo koonomathotholo beSABC. Akuphelelanga apho ngoba neminye
imidlalo ngeke isasazwe koonomathotholo kungekabikho isisomululo kumba
wamalungelo okusasaza imidlalo. Ingxelo ekhutshwe yiPSL ityhola abameli beSABC
ngokungabinanyaniso emva kokuwa kweengxoxo phakathi kwala maqumrhu mabini
malunga namalungelo okusasaza imidlalo yePSL. Ekuqaleni kwesizini, iPSL zange
iyivumele iSABC isasaze imidlalo koonomathotholo – kodwa lo nto yalungiswa
ngokukhulu ukukhawuleza emva kongelelo lomphathiswa wezemidlalo, uThokozile
Xasa.Image result for SABC

“Siyayiqonda
into yokuba kukho abantu abaninzi abalandela ibhola ekhatywayo kweli lizwe
abamamela imidlalo koonomathotholo. Imeko ekuyo iSABC yenze kwanzima
ukusebenzisana nathi. Emva kokuba uSABC wathi akanaso isivumelwano nathi
ekuqaleni kwesizini, saye sanentlanganiso eyazinyaswa nangumphathiswa
wezemidlalo. Nangona nalapho uSABC engazange athethe izinto ezichanekileyo
ngesivumelwano sethu – savumelana ngokuqhubela phambili nokuthethathethana. SiyiPSL
sayivumela iSABC ukuba iqhubele phambili nokusasaza imidlalo koonomathotholo
ngaphandle kwesivumelwano – kodwa ayikwazanga ukwenza izinto ngendlela
ekwavunyelwana ngayo entlanganisweni yesikhawu. Iqhubele phambili isasaza
imidlalo ngaphandle kokuhlonipha izibophelelo zentlanganiso,” itshilo ingxelo
ekutshwe yiPSL namhlanje.