Isachasel’ okwelanga iVAR – kodwa oosompempe bakulungele ukuqala isizini

Umbutho olawula ibhola ekhatywayo, iSouth African Football Association, uqikisekisile ukuba oosompempe bakulungele ukuphatha imidlalo yesizini entsha. Amashumi amathandathu onke oosompempe nabancedisi babo bebevalelwe enkampini iiveki ezimbini kweyeKhala, ePitoli – apho baphekwe besophulwa ukuze bakwazi ukumelana nomsebenzi onzima abaza kujongana nawo kwisizini yamaqela adlala kwiPremier Soccer League. Abantu abaninzi banethemba lokuba baza kusebenza bhetele.

Kulindeleke baqale umsebenzi kwiMTN8 eqalanga namhlanje emalanga. Kwisizini egqithileyo, abaqeqeshi abaninzi bavakalise ukungonwabi kwabo ngenxa yeempazamo ezenziwe ngoosompempe emidlalweni emininzi. Basiwe kwindibano yocweyo yiSafa ngelizama ukubalola ukuze benze umsebenzi wabo ngendlela efanelekileyo.

Nakubeni ikhona imali ebholeni ekhatywayo – kodwa oosomppempe abaqeshwanga ngokupheleleyo. Lo nto yenza kuhlale kukho isikrokro ebantwini abacinga ukuba bangahendwa lula ngabantu abanyobayo kuba bengaqeshwanga.

Ngelishwa eMzantsi Afrika ayikacaci into yokusetyenziswa kweVAR eyagunyaziswa nguFifa ukuze kulingiswe iziphene ebholeni ekhatywayo. UGqirha Irvin Khoza uxelele iintatheli kwiveki ephelileyo ukuba kudala iPSL yakulungela ukusebenzisa iVAR.

Kodwa kwelinye icala iSafa isakhala ngemali engekhoyo yokumilisela izixhobo zeVAR. Ngokuthetha kukaGqirha Danny Jordaan, ingasetyenziswa iVAR xa uSuperSport TV, oveza imidlalo yeBetway Premiership, enokuncedisa kuloo msebenzi.

Intloko yekomiti yoosompempe, uAdbul Abrahim, ixelele ikhasi lomnatha leSafa ukuba oosompempe bakulungele ukuqala umsebenzi. “Sisoloko siphantsi kweliso elibukhali lamaqela nabalandeli ngenxa yezinto ezenzeke emidlalweni.

“Ngamanye amaxesha bengenzanga nto imbi oosompempe. Kodwa njengomntu okhe wangusompempe, ndiyazi ukuba ziyenzeka ezo zinto ebholeni ekhatywayo. Oosompempe bethu baqhelene ngoku noxinizelelo futhi bayayazi imithetho yebhola,” utshilo uAbrahim.