ISafa ihlabela mgama ngomqeqeshi weBafana

UShakes Mashaba unikwe uphuma aphele yiSafa emva kokufunyaniswa enetyala kunyaka ophelileyo. Umfanekiso: BackpagePix

Iinkokeli zombutho olawula ibhola ekhatywayo eMzantsi Afrika, iSafa, ziza kubamba intlanganiso kwiveki ezayo eRhawutini – apho kulindeleke ziqulunqe umhlahla-ndlela ngokuchongwa komqeqeshi omtsha weBafana Bafana. Le nkquleqhu yalo mbutho yenziwa emva kokuba kugxothwe uShakes Mashaba kwiintsuku ezimbalwa phambi kweKrismesi ngo’2016. UMashaba wakhonjwa emnyango yiSafa emva kokufunyaniswa enetyala lokuthetha amazwi angaginyekiyo awawakhupha ewabhekisa kwizikhulu zeSafa emva komdlalo owawuphakathi weMzantsi Afrika neSenegal kunyaka ophelileyo ePolokwane.

“Njengoko besithembisile, singulo mbutho sizimisele ukubamba intlanganiso kwiveki ezayo esizakuthi sixoxe kuyo umba wokuqeshwa komqeqeshi weBafana Bafana,” itshilo ingxelo ekhutshwe yiSafa.

“Kule ntlanganiso kuzakuthi kuqulunqwe imigaqo-nkqubo ngomba womqeqeshi nemiqathango ekufanelwe ilandelwe xa eqashwa. Umongameli wembutho, ugqirha Denny Jordaan, untingele eZurich, eSwitzerland, kumsitho wamawonga waze emva koko walibangisa eGabon – apho kulindeleke eqoshelise umsebenzi weCAF. Ngethuba eseZurich, umongameli ufumene ithuba lokuncokola nabahlobo bakhe bakudala abaquka umongameli weFifa, uGianni Infantino, uDiego Maradona, uFrank Rijkaard, uLucas Radebe nabanye abaninzi abadlala indima ebalulekileyo kwimpumelelo yendebe yehlabathi ka’2010 [Fifa World Cup 2010] eyayisingathwe nguMzantsi Afrika okokuqala. Ugqirha Jordaan kulindeleke abuyele kweli lizwe azokuxoxa umba womqeqeshi negqonyela yeSafa nekomiti kwiveki ezayo,” itshilo ingxelo yeSafa.

Nangona kubonakala ukuba iSafa izimisele ukuqhubela phambili nokuqeshwa komqeqeshi omtsha, uShakes Mashaba, ogxothwe kutsha nje, uzimisele ukufaka isibheno kwiCCMA ukuze kuguqulwe isigqibo seSafa ayityhola ngokumdlel’indlala.

Lo nto isenokutsala uthuba elide – kodwa nayo iSafa ayingxamanga ngoba imidlalo yeBafana Bafana yokuzibekela indawo kwi-2018 Fifa World Cup izakuthi idlalwe phambi kokuphela kwalo nyaka. umqeqeshi omtsha uza kunikwa uxanduva lokusa uMzantsi Afrika kwindebe yehlabathi ezayo emva kokuphoswa yi-2017 Africa Cup of nations (Afcon).