ISafa ikruqukile nguSerero, ayisamfuni ngoku!

Thulani Serero of South Africa is tackled by Nicolas Nkoulou of Cameroon during the AFCON Qualifier match between Cameroon and South Africa on 26 March 2016 at Limbe Omni Sport Stadium Pic Sydney Mahlangu/ BackpagePix

Umdlali weBafana
Bafana, uThulani Serero, sobe aphinde alidlalele iqela lesizwe lebhola
ekhatywayo loMzantsi Afrika. Esi sisigqibo esithathwe yiSouth African Football
Association (Safa) emva kokuba uSerero engazange avume ukudlalela iBafana
Bafana ngaphandle kwesiqinisekiso sokudlala. Ingqonyela yeSafa, uDennis Mumble,
uxelele iqumrhu leendaba, i-Independent Media, ezondaba izolo ese-Oman. Uqhankqalazo
lukaThulani Serero lwaqala akube engadlalanga kumdlalo uMzantsi Afrika owabetha
kuwo iNigeria kwakunye nemidlalo yeCape Verde emibini neSenegal eyayihlakulela
indebe yehlabathi ka-2018.

“Abadlali
abangalihloniphiyo iqela lesizwe abasobe baqwalaselwe xa kuchongwa iqela
elizakudlala. Asikwazi ukuyinyamezela into yokudelelwa kweqela lesizwe,”
utshilo uMumble.

“Ayikokuqala
uSerero engalihloniphi iqela lesizwe kwaye ndiyakuqinisekisa, sobe achongwe
kwakhona. Ayinguye yedwa, sibhekisa nakwabanye abasoloko besithi gqolo
bengaziphathi kakuhle xa bekhwetyelwe kwiqela lesizwe. Sibe nengxoxo ethathe
ixesha elide nomqeqeshi weBafana Bafana ngalo mba kwaye naye akayithandi into yabadlali
abangaziphathi kakuhle,” utshilo uMumble.

USerero sele
edlalele iBafana Bafana amatyeli angamashumi amathathu anesibhozo. Phantsi
kwegama lakhe unamagowuli amabini qha. Ngoku udlalela iSVB Vitesse yaseHolland.
Lo mdlali wade walifumana ithuba lokudlala kwiVitesse emva kokuma ngxi kwekhona
lakhe lebhola ekhatywayo kwiminyaka embalwa edlulileyo – phofu, ngenxa
yokonzakala obekusoloko kumsokolisa. “Siyalwazi uxinizelelo abadlala phantsi
kwalo abadlali eYurophu. Nangona kunjalo, iqela lesizwe kufuneka libekwe phambili.
Asikwazi ukuba nabadlali abaxelela umqeqeshi into amakayenze. Andingeni ndawo
kwicala lokuchongwa kwabadlali – kodwa umqeqeshi uthi ufuna ucwangco eqeleni
lakhe,” utshilo uMumble.

Ngethuba uGordon
Igesund esengumqeqeshi weqela lesizwe ngo-2014, uSerero wacela angabizelwa
umdlalo owawuhlakulela iFifa World Cup owawuphakathi kweBafana Bafana
neBotswana ngenxa yokuba i-Ajax Amsterdam
yakhe yayilungiselela ukudlala neBarcelona kwi-Uefa Champions League. Ngo-2015,
waphinda wazulazula eMzantsi Afrika babe abanye abadlali beziqeqeshela itumene
ye-Afrika (2015 Afcon) eyayisingathwe lilizwe lase-Equatorial Guinea.