ISafa incamela kuStuart Baxter

Supersport United head coach Stuart Baxter receives an coach of the month award from Lux September of PSL during the Supersport United Training on the 01 March 2017 at Megawatt Park © Aubrey Kgakatsi/BackpagePix

Umbutho ulawula ibhola ekhatywayo eMzantsi Afrika, iSafa, ubhenele kumqeqeshi weSuperSport United, uStuart Baxter, emva kokungakwazi kwawo ukufumana umqeqeshi omtsha weBafana Bafana. Iqela lesizwe alinamqeqeshi ukusukela oko kwathi kwagxothwa uShakes Mashaba ekuzeni kuphela konyaka ophelileyo [2016]. UMashaba wagxothwa yiSafa emva kokuhlasela iinkokeli zakhe ngamazwi arhabaxa kanye emva komdlalo owawuphakathi kweBafana Bafana neSenegal kwiphondo laseLimpopo.

Nangona igama likaBaxter belisoloko libalwa phakathi kwaloo magama wabaqeqeshi ebekukhangelwa phakathi kwawo – kodwa iSuperSport United yabetha ngenqindi phantsi ngelithi ayisoze imkhulule umqeqeshi wayo. Namhlanje yothuse abantu abaninzi ngethuba ibhengeze ukuba inike iSafa imvume yokuthetha nomqeqeshi malunga nesikhundla sokuqeqesha iBafana Bafana. Ekuqaleni kwalo nyaka, usihlalo weSuperSport United, uKhulu Sibiya, waxelela iintatheli ukuba akazimiselanga kumkhulula umqeqeshi wakhe ngoba baneenjongo ngaye beliqela. Kwisizini yakhe yokuqala uStuart Baxter njengomqeqeshi waMatsatsantsa a Pitori ukwazile ukufumana indebe yeNedbank Cup – ngoku eli qela lakhe liphakathi kwamaqela aphambili nakhuphisana ngokufumana indebe ye-Absa Premier Soccer League ekupheleni kwale isizini. UBaxter udliselela ngenqwaba yeendebe phantsi kwegama lakhe azifumene ngethuba eqeqesha iKaizer Chiefs kwiminyaka edlulileyo. Nangona uBaxter engekathethi ngokuya kwiBafana Bafana – kodwa kubonakala ngathi uyasilangazelela isikhundla somqeqeshi.

Emva komdlalo obuphakathi kweBafana Bafana neGuinea-Bissau, eMoses Mabhida Stadium, kwiveki ephelileyo, usihlalo weSafa ugqirha Danny Jordaan waxelele amajelo endaba ukuba uzakubhengeza igama lomqeqeshi omtsha emva komdlalo wobuhlobo obuphakathi kweBafana Bafana ne-Angola ngoLwesibini wale veki, eBuffalo City Stadium. Ayikenzeki lo nto.