Isebe leZemidlalo liza kuwonga amaqhawe weWafcon!

Mnu. Bafundi Makhubalo.

Isebe leZemidlalo kwiphondo leMpuma Koloni ebelikhokelwa nguNksz. uFezeka Nkomonye liza kuwonga amantu abathe baqaqamba kwezemidlalo emsithweni ombejembeje oza kube useBoardwalk Hotel, eGqeberha, ngokuhlwa ngomso (Lwesihlanu). Phakathi kwabantu ekulindeleke bawonkwe ngamaqhawe adlalela aBanyanya Banyana abuye nendebe yeWafcon kwiiveki ezidlulileyo. Iqela loMzantsi Afrika labethela iMorocco ngo’2-1 phambi kwabalandeli bayo ePrince Moulay Abdellah Stadium. Abadlali baBanyana Banyana sebeyinikiwe ibhonasi ezizigidi ezilithoba (R9.2-m) kwiveki ephelileyo. Ngoku isebe phantsi kukaNkomonye beliceba ukuwonga abadlali beqela lesizwe abaphuma eMpuma Koloni emsithweni oza kube ukudid’ oluphezulu.

Ngokokutsho kwesebe, umsithweni kuza kuwonga abadlali bemidlalo entlobontlobo, amaqela ngokohlukana kwemidlalo namaqumrhu ezemidlalo athe enza umsebenzi omhle kunyaka ophelileyo okanye kwiminyaka edlulileyo nanjenkoko nangona imidlalo ibikhe yaphazanyaniswa yiKhorona. Phakathi kwabanye abantu abaziwayo kwezemidlalo ebekulindeleke bawongwe nguNkomonye (phambi kokutshintshwa kwakhe) kukho uMnu. Loyiso Mtya, uMatinise Toni, uLux September, uZolani Tete, uAkhona Makhalima, uNomsebenzi Tsotsobe noKaunda Ntunja. UMtya ligqala elizenzele igama kwiindawo ezahlukeneyo emanqindini. Ngoku ungumqeqeshi kaTete obethe uJason Cunningham emlweni obuseNgilane kwinyanga ephelileyo.

USeptember, uTete, uMakhalima, uTsotsobe noKhaunda baza kunikwa amawonga akhethekileyo nakwinqanaba eliphezulu ngenxa yendima ebonakalayo abayenzileyo kwezemidlalo. Bebonke abantu abaza kuwonga babalelwa kumashumi asibhozo. USeptember ligosa leCAF ngoku, washiya iPSL emva kokonyulwa kukaMnu. Patrice Motsepe njengoMongameli weCAF ekuqaleni konyaka ophelileyo. Yena uMakhalima ngusomempempe ekuphela kwakhe ovuthela impempe emidlalweni yeDStv Premiership ofumene ithuba lokuphatha imidlalo kwiitumente zeCAF nendebe yehlabathi. UNtunja, ongasekhoyo, wazibalula kwezosasazo kwiSuperSport TV.