Isebe lezemidlalo lizibophelele kuphuhliso lomdlalo womnyazi eMpuma Koloni

Amaqela ezikolo aphuma kwizithili zaseMpuma Koloni edlala eMaletswai kwiveki ephelileyo. Umfanekiso: DSRAC

Isebe lezemidlalo eMpuma Koloni lithi lichwayitile kakhulu emva kokuphehlelelwa kwetumente yomnyazi eza kudlalwa rhoqo ngooLwezihlanu. Amaqela aphuma kwizithili ezisibhozo zaseMpuma Koloni ebedibene eMaletswai – apho akhuphisene khona kwitumente etshayelela itumente yehlabathi yomnyazi eza kusingathwa sisixeko saseKapa kunyaka ozayo (2023). Itumente yehlabathi yomnyazi iza okokuqala kwizwekazi le-Afrika. IMpuma Koloni liphondo lokuqala eliphehlelele imidlalo yangooLwezihlanu eza kulola umdla wabantu emva kokusungulwa yiNetball South Africa kutshanje.

“Umsebenzi uhambe kakuhle. Eyona nto isichulumancisayo kukuba iMpuma Koloni liphondo lokuqala eliphehlelele itumente yomnyazi enjengale,” utshilo uBusisiwe Jemsana-Mantashe, isithethi sesebe leZemidlalo. “Sizibophelele kakhulu ekuxhaseni iqela lethu lesizwe njengokuba lisiya kwindebe yehlabathi kunyaka ozayo. Wonke umntu onaxanduva lokwazisa abantu ngendebe yehlabathi yomnyazi eza eMzantsi Afrika – kodwa okwethu akuphelelanga apho. “Sizama ukucela inkxaso koosomashishini ukuze baxhase uphuhliso kwiindawo ezihlelelekileyo apha eMpuma Koloni. Sinqwenela kwakhiwe amabala okudlalela imidlalo entlobo ntlobo kwiindawo zonke zalapha eMpuma Koloni. UMphathiswa uyazama ukuthetha namaqumrhu azimeleyo oshishino ukuze yenzeke lo nto,” utshilo uJemsana-Mantashe.

Ukuqala kwetumente yomnyazi lelinye icebo lokuqhuqha italente ezikolweni nokufunqula umnyazi ezilalini. “Amanenekazi asokola kakhulu kwezemidlalo. Iingxoxo akuzo uMphathiswa uNkomonye ziinzame zokuqinisekisa ukuba amanenekazi afumana inkxaso ayifaneleyo. Ukuba singafumana inkxaso kwezoshishino, singakwazi ukuvelisa abadlali abanokudlalela iqela lesizwe. Sicela wonke umntu enze eyakhe indima ukuze siphuucule imeko yamanenekazi kwezemidlalo. Njengokuba amantombazana wethu esiya kwitumente yehlabathi, sinoxanduva lokuqinisekisa ukuba wonke umntu uyayazi lo nto. Kuza kuba kokokuqala itumente yomnyazi isingathwa yiAfrika,” sitshilo isithethi.