Njengokuba isizini yeDStv Premiership ivalwe kwiveki ephelileyo, amaqela amabini, i’Orlando Pirates neSekhukhune United, aza kujijisana ngendebe yeNedbank Cup emdlalweni ekulindeke utake iintlantsi eLoftus Versfeld Stadium ngentsimbi yesithandathu emalanga ngoMgqibelo. Iqela eliphumeleleyo liza kufumana indebe ekhatshwa zizigidi ezisixhenxe zerandi (R7-million). Okunika umdla ngomdlalo wangempelaveki kukuba omabini amaqela akhuthazekile emva kokuvala isizini kakuhle. Ezimnyama zingombe AmaZulu zabamba indawo yesibini ezibuyisele kwiCAF Champions League. Kanti yona iSekhukhune ivale isizini ikwindawo yesixhenxe nakubeni ibiyiqale kakubana phantsi kukaKaitano Tembo owasuswa kwafakwa uBrandon Truter oxhuzula imikhala ngoku.
Abadlali bePirates baza kuya ngamandla emdlalweni weNedbank Cup ngoba basecicini lokuphumelela indebe yesibini. Lona iqela likaTruter lifuna ukubhala iincwadi zembali ngokutsha ngokuphumelela indebe okokuqala. Omnye wabadlali bePirates abaphambili, uMiguel Timm, uthi iqela lakhe liqhube kakuhle kwisizini ephelileyo – kodwa sisiqalo sezinto ezibhetele ezizayo. UTim, 31, ngumdlali wasesiswini onamandla futhi okwaziyo ukutyala ibhola kwiindawo eziyingozi ebaleni. “Ndingumdlali okuxabisile ukudlala nabanye abadlali. Yona isizini ngeke ndithi ibigqibelele noxa sikwazile ukuzibekela indawo kwiChampions League. Enye yezinto esasizixelele ngayo ekuqaleni kwesizini yayikukuphakamisa indebe yeDStv Premiership.
“Kodwa ke ngoba ayenzekanga leyo, esikwenzilayo sikuthatha njengesiseko esakuthi sakhe ngaphezulu kwaso kwisizini ezayo,” utshilo uTimm ethetha neentatheli ekuqaleni kwale veki. Abanye ababdlali ekulindeleke bancede iPirates emdlalweni wangempelaveki nguThembinkosi Lorch, uMonnapule Saleng noNkosinathi Sibisi. Ijongene nengxaki enkulu iPirates ngoba yoyisiwe kukubetha iSekhukhune kwisizini esongwe kwiveki ephelileyo. Emdlalweni wakutshanje, uTruter ebencume okosana ngoba uthathe amanqaku amane kwiPirates. Emva kokugxothwa ngaMaZulu ekuqaleni kwesizini, uTruter angavuya ukuphumelela indebe okokuqala kwinqanaba eliphezulu. Uza kuthembela ngabadlali abanamava abaquka uSibusiso Vilakazi, uEdwin Gyimah noKamohelo Mokotjo.
Kubanjwe abathathu ngezityholo zokuxhwila nokuqweqwedisa