iSekhukhune izibethele iChippa United emdlalweni wokugqibela eMonti

UMacdonald Makhubedu ngumqeqeshi weSekhukhune United. Umfanekiso: Maya Snap

Emva kokuba ibethe iChippa United ngegowuli elinye emdlalweni weDStv Premiership obubanjelwe eBuffalo City Stadium, iSekhukhune United ibethelele phakathi kwamaqela amane aphambili. Nangona ingawuqala kakuhle umdlalo – kodwa idlale umdlalo ophucukileyo kakhulu kwisigaba sesibini.

Yona iChippa iza kukhalela amathuba engakwazanga ukuwasebenzisa kuzo zozibini zizgaba zomdlalo. Ukuba ibiwasebenzisile ambalwa ewafumeneyo kwizigaba zozibini, ngeyivale isizini isendaweni ebhetelana noko iChippa United. Okuncomekayo ngayo kule sizini kukuba khange ibekho phakathi kwamaqela alwele izembe. Ngumsebenzi lowo uKwanele Kopo noThabo September oza kubakhuthaza kwisizini ezayo.

Isiqingatha sokuqala sephele kungekho qela elikwazileyo ukubhalisa ebhodini. Umdlalo uqale ngesantya esiphantsi ngoba omabini aqale afundana. Elona qela ebelinamandla kwisiqingatha sokuqala ibiyiChippa United. Amathuba ebenqabile – kodwa iChippa ibinawo ambwala engakwazanga ukuwasebenzisa.

UThabo Makhele ufumene amathuba amabini okubeka iChippa United endaweni entle – kodwa uBadra Sangare walile ukuvula ezipalini zakhe. UBrooklyn Poggenpoel, uSirgio Kammies noFrancis Kayden ngabona badlali abayixheshileyo iSekhukhune United kwisigaba sokuqala somdlalo.

Iphantse yazibhaqa isengxakini emva kokuba ibhola kaFrancis Kayden ibethe epalini. Yibhola engeyibeke endaweni entle iChippa United. Akukho nto engabaliswa ngeSekhukhune kwisigaba sokuqala ngoba ibihleli emva futhi kubonakala ukuba idlalela ukungabethwa.

Zisuka nje kwisigaba sesibini, uEva Nga Bienvenu uphose ithuba elihle lokufaka igowuli. UStanley Nwabali uphinde wazibonakalisa ukuba ungunozinti osemgangathweni ophezulu ngethuba evala iibhola ezimbi zabadlali beSekhukhune kwisigaba sesibini.

Wenze ityala elibi ebhokisini yakhe uNwabali wayikhomba echaphazeni usompempe – kodwa ngethamsanqa uye wayivala ibhola kaDaniel Cardoso. Ibuye ngamandla iSekhukhune yafumana igowuli elifakwe ngu’Asakho Tiwani.

Emva kwexesha lokuphumla, iSekhukhune ibuye inomsindo futhi yeyona edlale umdlalo obhetele kuneChippa United. Phambi kokuphela komdlalo, iSekhukhune iphose elinye ithuba lokubethelela isikhonkwane. Inani elihle labalandeli bebhola ligoduke liphoxekile emva kokuba iChippa United ivale isizini kakubi ngokubethelwa ekhaya.