iSekhukhune United izithathele amanqaku amathathu kwiCape Town City

UNkanyiso Madonsela weSekhukhune United noThabo Nodada weCape Town City emdlalweni weDStv Premiership obuse-Ellis Park Stadium. Umfanekiso Gavin Barker/BackpagePix

Ifumene impumelelo yayo yesithathu iSekhukhune United emva kokuba ibethe iCape Town City ngegowuli elinye eqandeni (1-0) emdlalweni weDStv Premiership obuse-Ellis Park Stadium ngenjikalanga yanamhlanje. Umdlalo uqale ngesantya esiphezulu kwisiqingatha sokuqala. Omabini amaqela abonise ukukhanuka kwawo ukufumana amagowuli emdlalweni – kodwa abe evale mba emva. UThabo Nodada ufumene ithuba lokubeka iCity endaweni entle emzuzwini weshumi elinesibhozo – kodwa ibhola yakhe ivalwe ngunozinti, uToaster Nsabata.

Isiqingatha sokuqala siphele kungekho qela elikwazileyo ukubhalisa ebhodini noxa amathuba ebekhona. Umdlalo ubulawulwa yiCape Town City isebenzisa amadoda abalekayo afana noNodada, uMduduzi Mdantsane noBradley Ralane. Into eyenze kakuhle iSekhukhune kuvala emva kwaye isebenzise amandla enawo ngexesha elifanelekileyo ngoba kunzima ukumelana nabadlali beCity abanamendu.Kwisigaba sesibini, amaqela omabini athathe apho ayeke khona kwisigaba sokuqala. Ifolosi yeSekhukhune, uChibuike Ohize, ufumene ithuba lokufaka igowuli – kodwa ibhola yakhe ifike kunozinti ingenamandla.

Njengokuba uHugo Marques ebengaxakekanga ezipalini, ubenelishwa lokubethwa yibhola ebikhatywe nguChibuike Ohize oyifumene kuTlotlo Leepile sekusondele ixesha lokuphela komdlalo. Ukungena kwabadlali abafana noCraig Martin noTashreeq Morris akuyincedanga ncam iCape Town City noxa ubukho babo ebaleni buye bavakala. UKhanyiso Mayo ubethe ibhola ngentloko emzuzwini wokugqibela enethemba lokufumana igowuli lokulinganisa – kodwa ibhola yakhe ibanjwe ngunozinti. Ngoku iSekhukhune United ihleli kwindawo yesihlanu kwiDStv Premiership emva kokuqokelela ishumi elinanye lamanqaku emidlalweni esixhenxe. Yona iCape Town City ihleli kwindawo yeshumi elinesibini.

Sekhukhune United: Nsabata, Mobbie, Jampies, Katsande, Motsepe, Gyimah, Leepile, Maart, Madonsela, Mncube, Ohizu.

Amalalela: Kapini, Rakhale, Matona, Patjie, Mahlangu, Parusnath, Molaba, Sibanyoni, Shai.

Cape Town City: Hugo, Mkhize, Mobara, Fielies, Mashego, Mokeke, Nodada, Ajagun, Ralani, Mdantsane, Lakay.

Amalalela: Mpdandle, Fasika, Dove, Makola, Morris, Martin, Mokhuoane, Roberts, Mayo.