Isematheni kwakhona iSisa Dukashe Stadium

Ibala lebhola ekhatywayo, iSisa Dukashe Stadium, lisematheni kwakhona emva kokuba umqeqeshi weFree State Stars, uLuc Eyamael, elichaze njengendawo engafanelanga kusingatha imidlalo ekwinqanaba eliphezulu.

Oku kuthethwe yile ndedeba yaseBelgium emva kokuba iqela layo libethwe ngo’1-0 yiChippa United emalanga ngoMgqibelo kwiveki ephelileyo.

Khange kuphelele apho ngoba uEymael uphinde wakhalazela indlela usompempe obephethe, uPhelelani Ndaba, engalinikanga iqela lakhe ipenela emva kokuwiswa komdlali wakhe ebhokisini nguMapaseka Mako.

Emva kweentsuku kusina imvula kwiveki ephelileyo, kuye kwacaca okokuba ibala alikwazanga ukuwafunxa ngokupheleleyo amanzi.

Lo nto yenze kwakho idaka ebaleni. Ayilo tyeli lokuqala kukhalazelwa iSisa Dukashe Stadium. Kunyaka ophelileyo, uPitso Mosimane, wayikhalazela kakhulu.

Umasipala waseBuffalo City wathi uza kuziqwalasela ezi zikhalo ngeli bala, kodwa akukacaci nokuba wade wawuphucula na umgangatho webala.

“Eli bala aliwufanelanga umgangatho wemidlalo yePSL. Apho ndisuka khona eBelgium, eYurophu – kungadlalela amaqela akumgangatho osezantsi kakhulu. Ayondawo yokudlalela le,” utshilo uEymael kwiintatheli kwiveki ephelileyo.

Kanti kwelinye icala umqeqeshi weChippa United, uVladislav Heric, wahamba onwabe kakhulu emva kokuzuza impumelelo yakhe yokuqala.

Le ndedeba yaseSerbia ethathe indawo kaTeboho Moloi yawamkela amanqaku amathathu yatsho iqhwabela izandla umsebenzi omhle wabadlali.

“Sikwenze konke ebesinako emdlalweni. Ndiyoneliseka yindlela abadlali abandithemba ngayo njengomqeqeshi,” utshilo uHeric.