ISenegal inqwamze iPoland kumdlalo kaGroup H

Abadlali beSenegal bavuyele impumelelo yabo yokuqala namhlanje eRussia emva kokubetha iPoland ngo'2-1. Umfanekiso: 2018 FIFA World Cup Facebook

Ilizwe laseSenegal
lihleli phezulu kumaqela akuGroup H emva kokunqwamza iPoland ngo’2-1 kumdlalo
wokuqala walo kwi-2018 FIFA World Cup ebanjelwe e-Otkrytie Stadium, eRussia.
ISenegal lilizwe lokuqala elithe lancumisa abantu base-Afrika ngempumelelo yalo
emva kokubethwa kwamazwe afana neYiphutha, iMorocco, iNigeria neTunisia izolo. Isiqingatha
sokuqala siqale ngezinga eliphantsi – kodwa iyiSenegal ebonakalisa iimpawu
zokunxanelwa igowuli emdlalweni. UMbayo Niang ungene emadoda kumzuzu wesihlanu –
kodwa ibhola yakhe khange ibenalo ulwamvila.

Image may contain: 2 people, people playing sports and outdoor

Izinto
zijikile kwimizuzu esibhozo phambi kokuya kwixesha lokuphumla ngethuba
u-Idrissa Gueye ekhaba ibhola ekude ebetheke kuThiago Cionek yayongena
emnatheni zacima izibane kubadlali bePoland. Kwimizuzu elishumi kubuyiwe
kwixesha lokuphumla, uKhadim N’Diaye ufake igowuli lesibini leSenegal emva
kwempazamo embi eyenziwe nguGrzegorz Krychowiak emva. Emva koko abadlali
beSenegal baqhubele phambili nokuhlasela nanjengoko bekubonakala ukuba
bakhangela igowuli lesiqinisekiso – kodwa uKrychowiak ukwazile ukufaka igowuli
ngentlongo kwimizuzu yokugqibela yomdlalo.

  Image may contain: one or more people and people playing sports

Ngoku iSenegal
ilingana neJapan emva kokuqokelela amanqaku amathathu kumdlalo wokuqala. Komnye
umdlalo, iJapan izibethele iColombia ngo’2-1 kumdlalo obuse mini namhlanje.

Senegal: Khadim Ndiaye, Youssouf Sabaly, Kalidou
Koulibaly, Moussa Wague, Ismaila Sarr, Idrissa Gana Gueye, Alfred N’Diaye,
Sadio Mane, Mbaye Niang, Mane Diouf.

Poland: Majciech Szczesny, Maciej Rybus, Michal
Pazdan, Thiago Cionek, Lukasz Piszczek, Kamil Grosicki, Piotr Zielinski,
Arkadiusz Milik, Grzegorz Krychowiak, Jakub Blaszczykowski, Robert Lewandowski.