‘Isezandleni zethu,’ utsho uMosimane

Umqeqeshi weMamelodi Sundowns uPitso Mosimane ekunye nabadlali beli qela

Umqeqeshi weMamelodi Sundowns, uPitso “Jingles” Mosimane, akaliboni iqela lakhe njengeedyongo nangona liqala ukudlala kwiFifa Club Wolrd Cup kulo nyaka enamaqela amakhulu aphuma kumazwe amakhulu ehlabathini.

Ayothusi konke konke lo nto ngoba ukuzithemba yinto yakhe, ngakumbi emva kokuba iqela lakhe liphumelele iCAF Champions League kutshanje.

Amasandawana agalelekile ekuseni ngoLwesibini kwidolophu iHong Kong, eJapan, emva kokusingela uMzantsi Afrika ebusuku ngoMvulo.

UPitso yindoda ethanda ukuzilungiselela phambi kokuya emfazweni, akakwazanga ukuyenza lo nto ngenxa yokuxinana kwemidlalo yeqela lakhe kwiPSL. “Andikwazanga ukubukela amaqela esizakudlala nawo; ndithe wonke umntu makaphumle ukuze sifumane amandla – sisenazo iintsuku noko,” utshilo uJingles.

IDowns ingadlala neKashima Antlers okanye ne-Auckland City ngeCawe. “Ndingavuya ukuba singadibana neqela laseNew Zealand. Kunzima ukudlala neqela elidlalela ekhaya, kanti iCity ingangcono kuthi,” utshilo uMosimane phambi kokunduluka.

Ukudlala kwindebe yehlabathi yamaqela azimeleyo yinto enqabileyo, eli lithuba lokuba abadlali badlalele ukuzithengisa kumaqela aseYurophu.

Abadlali abafana noKeagan Dolly, uKhama Billiat, uLeonardo Castro noPercy Tau – emva kokugqugqisa izwekazi leAfrika – ngoku banethuba lokubonwa ngabachongi bamaqela amakhulu.

“Ndithe kwaba badlali basakhulayo, kufuneka niyodlala eYurophu. Le yeyona ndawo ilungileyo yokuzithengisa. Kanti nakwaba badala ukuba ithuba liyavela, singabakhulula,” utshilo uMosimane.

Bonke abadlali beMamelodi Sundowns bahambile nangona ingamashumi amabini anesithathu kuphela ababhaliselwe ukudlala kule tumente.

Nakweli ityeli iiBrazillians zihambe nebathwana labalandeli ababhatelelwe liqela iindleko zonke.

Kunokwenzeka iSundowns ibukelwe zizizwe idlala namaqela afana neReal Madrid okanye i-Atletico Nacional – kodwa okubalulekileyo uPitso uthe ufuna iqela lakhe lijike kwimijikelo ephambili okungenani.

pedro.mapelo@inl.co.za