ISharks izibethele iJaguares

Inny Radebe van Rensburg of the Cell C Sharks has Franco Marias of the Cell C Sharks in support during the 2017 Super Rugby game between the Sharks and the Jaguares at Kings Park Stadium in Durban, South Africa on 8 April 2017 © Gerhard Duraan/BackpagePix

Ngenjikala yanamhlanje, iSharks ibuye ngomzuzu wokugqibela ngethuba ibetha iJaguares ngo’18-13 kumdlalo weSuper Rugby, eThekwini. Omabini la mmaqela aqhuba kakuhle kwiSuper Rugby aye emdlalweni enamanqaku alishumi elinesibhozo kwi-Afrika 2 Conference. Eso sesinye sezizathu ezibangele lo mdlalo ubaluleke ngakumbi kuwo omabini.

Imizuzu yokuqala emdlalweni ayisetyenziswanga kakuhle ziSharks, kangangokuba izibone kufakwa kuyo amanqaku asixhenxe onke. Kodwa kuthe emva iSharks iye yavuka emaqandeni. Kuye kwanyanzeleka iqela ebelidlalela ekhaya ukuba linyuse umxakatho ngoba emva kokubethwa kwiveki ephelileyo ziLions.

Abadlali basemva beSharks badlale kakuhle kwaye oko kukhokelele ekubeni uCobusa Reinach athubeleze phakathi kwamadoda phambi kokulala emgceni kwisigaba sesibini somdlalo. Khange zityhafe konke konke iJaguares – kodwa izinto ziyihambele kakubi ngethuba kukhutshwa ngekhadi elibomvu uSanchez.

Sharks Abalele emngceni: Cobus Reinach, André Esterhuizen. Conversion: Curwin Bosch. Ipenela: Bosch (2).
Jaguares Abalele emgceni: Agustín Creevy. Conversion: Felipe Ezcurra. Penalties: Nicolás Sánchez (2).


Sharks 15 Curwin Bosch, 14 Kobus van Wyk, 13 Lukhanyo Am, 12 André Esterhuizen, 11 Lwazi Mvovo, 10 Inny Radebe, 9 Cobus Reinach, 8 Daniel du Preez, 7 Jean-Luc du Preez, 6 Tera Mtembu (c), 5 Stephan Lewies, 4 Etienne Oosthuizen, 3 Coenie Oosthuizen, 2 Franco Marais, 1 Beast Mtawarira.


Subs: 16 Chiliboy Ralepelle, 17 Thomas du Toit, 18 Lourens Adriaanse, 19 Ruan Botha, 20 Philip van der Walt, 21 Michael Claassens, 22 Rhyno Smith, 23 Jeremy Ward.


Jaguares 15 Joaquín Tuculet, 14 Ramiro Moyano, 13 Matías Orlando, 12 Jerónimo de la Fuente, 11 Bautista Ezcurra, 10 Nicolás Sánchez, 9 Gonzalo Bertranou, 8 Leonardo Senatore, 7 Tomás Lezana, 6 Pablo Matera, 5 Matías Alemanno, 4 Marcos Kremer, 3 Ramiro Herrera, 2 Agustín Creevy (c), 1 Lucas Noguera Paz.


Subs: 16 Roberto Tejerizo, 17 Santiago García Botta, 18 Felipe Arregui, 19 Guido Petti, 20 Rodrigo Baez, 21 Felipe Ezcurra, 22 Santiago Gonzalez Iglesias, 23 Emiliano Boffelli.