Isigantsontso saseQonce sigqugqise eGoli

Chris Nguta.

Ukuba izinto zingasihambela kakuhle isigantsontso saseQonce, uChris Nguta, kungekudala angazibona emela ilizwe loMzantsi Afrika ezizweni.

Ityendyana lomfana lakwaNguta libuye lisiwa ngamacala xa lihamba ngenxa yokusindwa ziindebe ezimbini emva kokuphuma emagqabini kwitumente yamadoda adlisela ngesihlunu ekuthiwa yiSA Extreme Body Building ebibanjelwe kwiphondo laseGauteng kwiveki ephelileyo.

UNguta yenye yamadoda azimiseleyo kakhulu emdlalweni wabantu abathanda ukuphakamisa iintsimbi ezinobunzima obukhulu.

Nakubeni oosozoso abamnyama bedlala umdlalo ongahoywanga eMpuma Koloni kodwa ukuphumelela kukaNguta kungunozala wokuzimisela kwakhe phantsi kweemeko ezinzima.

UNguta uxelele I’solezwe lesiXhosa okokuba uyayivuyela kakhulu impumelelo ayizuze eGoli kwiveki ephelileyo ngoba iyamlola ukuze akwazi ukuqhubela phambili nokudlala umdlalo osenyongweni kuye.

UNguta uguqise phantsi amadoda asibhozo ekuqaleni. Waphinda waphuma phambili kukhuphiswano ebethelekiswe namanye amadoda abephume phambili.

Indichulumancise kakhulu impumelelo endiyifumeneyo. Njengokuba bendikhe ndathatha ikhefu kunyaka ophelileyo, ndiye ndadibana nomqeqeshi, uMduduzi Green, ondincedise kakhulu kwicala lezihlunu zamathanga.

Uhambo lwam beluluhle kakhulu ngoba bendincedwe nguSupplement SA noMasipala waseMathole kwicala leendleko zokuhamba nokulala,” utshilo uNguta.

Impumelelo ezuzwe ngulo mfana waseQonce imnika ithuba elihle lokudibana noompondozihlanjiwe kwenye itumente elandelayo. Lo nto uNguta uzimisele ukuyenza zingaphelanga iinyanga ezimbini xa itumente enkulu isingathelwa eMonti.

“Ndifuna ukuzivavanya kwitumente yezigantsontso zoMzantsi Afrika eziza kube zilapha eMonti kwiinyanga ezizayo. Apho ndizimisele ukusebenza ngokuzimisela ukuze ndikwazi ukumela ilizwe kwitumente enkulu yehlabathi,” utshilo uNguta.

Ezinye zezinto eziphunyelelwe ngaphambili yiSA Bantamweight, wabalasela kwitumente eyayibanjelwe eKomani ngo2017 phambi kokuya kwitumente ephezulu iRise of the Phoenix.