Isikhumbuzo: Stanley Toni – ivulandlela kumanqindi

Kungosizi ukuvakalisa iindaba ezibuhlungu zokushiywa nguStanley Toni. Lo kaToni ulelinye lamavulandlela kumdlalo wamanqindi aseMonti nangakumbi amanqindi akumgangatho wabahlawulwayo.

Uzalelwe kwalapha eMonti kwilokishi eyayibizwa ngoba kukwaTsolo. Uzalelwe, wakhulela, waze wafunda kwalapha eMonti.

Nempangelo yakhe uyenze kwalapha eMonti, enye yeendawo aphangele kuzo kuseMercedes Benz of South Africa. Uqale ukudlala amanqindi eCentre Boys Club eDuncan Village.

Ungomnye wabantu abaseka i-International Boxing Club kuTsolo. I-International Boxing Club yile yakhupha iimbethi manqindi eziphum’izandla emhlabeni ezinje ngoNkosana ‘Happyboy’ Mgxaji, Thabo Moloko, Ntaba Mtyongwe ze kamva yakhupha nooWelile Nkosinkulu.

UToni ulwe imilo egqithileyo kwikhulu ngexa wayekudidi labangahlawulwayo. Kwathi ke kuba ngexesha lokulingwa kwakhe ukulwa kudidi labahlawulwayo kwafuneka bahanjiswe noogxa bakhe abathathu bayokulwela eThekwini kwindawo ekuthiwa kuseCurriesfontein ngonyaka ka1964. Bayakulwa apho noogxa bakhe abathathu yena wangowesine.

Loo magorha aquka uLawrence Ndzondo (Slow Poison), Corner Dunjwa (Bisto Kid) noAllister Mahashi. Bonke babuya nodumo kuba babuya beyiphumelele bonke imilo yabo yokuqala kudidi labahlawulwayo.

Loo magorha mane anyuka apha ukuya eThekwini ekhokelwe ekhankathelwa nguMnu. uMzoli Madyaka, uMnu. Madyaka, bonke bathatha umhlala phantsi kwezamanqindi. Ulwe imilo egqithileyo kumashumi amabini kudidi lwabahlawulwayo ngempumelelo kuninzi lwayo imilo yakhe.

Ugulile ixesha elide lo kaToni. Ushiya ngasemva inkosikazi, abantwana nabazukulwana. Kweso sine seembethi manqindi zokuqala eMonti, sekushiyeke babini ngoku. U-Alister Mahashe waba ngowokuqala ukusweleka kwiminyaka ephantse kugqitha kumashumi amathathu. Ngoku kushiyeka uLawrance Ndzondo noCornet Dunjwa.

Siyavuya futhi sinelunda ngento abasenzela yona beseso sine. Basenza satsho saziwa ngento siliMonti emhlabeni jikelele.

Sifunde izinto ezininzi kubo – enye yazo yimbeko, intlonipho, ubunene, ucoceko nokwazi ukuziphatha. Babe yimizekelo nezibonelo ezintle kumlisela nomthinjana. Ndithi unga umphefumlo wakhe ungaphumla ngoxolo.

Ngenxa yokubaluleka kwegalelo lakhe ekwakheni amanqindi ukuba abe kulo mgangatho akuwo namhlanje, ndabona kubalulekile ukuba ibali lakhe ndilibhale kwincwadi yam endiyibhalileyo ngamanqindi.

Igama lencwadi yam lithi: The Portrait of a Winner – A Tribute to Mdantsane Boxing Legends. Ngoku ke ndicinga ukuba kusafanelekile ukuba ibali lakhe libe lingapapashwa kwiphephandaba I’solezwe khonukuze lizokufundwa ngabantu abaninzi de nangakumbi ulutsha.

Ngomnye lo wamaqhawe ekungathethwanga nto ngawo kwimbali yethu. Babe benenxaxheba negalelo elikhulu abalenzileyo ekuphuculeni intlalo nembonakalo yethu. Usapho lwakhe lungafumaneka kwa-285 NU 1, Qumza Highway, eMdantsane.

Wazalwa ngo-1944. Ebeneminyaka eyi-73 kulo nyaka asweleka ngawo.

Imbali ibhalwe nguLeonard Dyani waseMdantsane.