Isikolo saseBhayi sizakumela iMpuma Koloni

IsikolosaseBhayi i-Isaac Booi ziintshatsheli zeDanone Nations Cup kwiphondo leMpuma Koloni. Ezi ntshatsheli zizakumela iphondo eRhawutini

Abadlali nootitshala besikolo saseBhayi abakwazanga ukulubamba uchulumanco lwabo emva kokuphumelela itumente yeDanone.

Esi sikolo sibizwa ngokuba yi-Isaac Booi Primary School, ziintshatsheli ezivunyiweyo zetumente yeDanone kwiphondo leMpuma Koloni emva kokubetha iGuqaza Junior Secondary School yaseNgqeleni kumapenela ngo’3-2 kumdlalo wamagqibela kankqoyi kwisikolo iLaerskool cebu kuhle kwidolophu yaseMonti.

Ezi ntshatsheli zintsha zifikelele kumdlalo wokugqibela kule tumente esingathwa minyaka le ngokuthi zidlule kwizikolo ezifana neMaqubela J.S.S, Dedelo J.S.S. neGuqaza esoloko iqhuba kakuhle kolu khuphiswano.

Le tumente yeDanone ithi ivelise abadlali abaselula abathi bafumane ithuba lokudlala kumanqanaba aphezulu ekuhambeni kwexesha xa bechongwe ngabantu abaziincutshe ekuboneni abadlali abakhethekileyo nabanokukhula kwikhondo labo lebhola ekhatywayo.

Ngoku iBooi Primary imanxadanxada ngamalungiselelo okuya kwitumente yeDanone ezakuquka amaphondo onke ekuqaleni kwenyanga ezayo eGauteng – apho esi sikolo sizakube simele iphondo lonke.

Kulapho kulindeleke aba badlali abaselula bazibonakalise khona emva komsebenzi oncomekayo abawenzileyo phambi kokuphakamisa indebe njengeentshatsheli zeMpuma Koloni.

UMnu. Siphiwo Witbooi, omnye wootitshala besi sikolo selokishi yaseZwide, uyivuyele kakhulu inkqubela eyenziwe ngabafundi ukusukela ekuqaleni kwetumente.

“Yooh, sinemincili kakhulu. Besizilungiselele ngendlela yethu yesiqhelo. Njengokuba sisiya eGauteng, kufuneka kubekho uchatha kwindlela esizilungiselela ngayo,” utshilo uWitbooi.

Nangona esi sikolo siqala ukuhamba umhlaba ongaka kule tumente – kodwa kulindeleke sisebenzise amandla esiwafumene ekuphumeleleni kwaso eMpuma Koloni njengenkuthazo yokuya eNew York, eMelika – apho kuza kudlalelwa imidlalo yehlabathi phambi kokuphela kwalo nyaka.