
Amaqela amabini adlala kwi-ABC Motsepe angombene kwanzima kodwa akwabikho elifuna ukoyiswa. IMorning Stars yaseBhayi igoduke incumile emva kokufumana inqaku elinye emva kokudlala ntanganye ngo’2-2 neFC
Isiqingatha sokuqala siqale ngezinga eliphantsi futhi kucaca nyhani ukuba kubuywa kwikhefu leKrismesi ngabadlali. Umdlalo wona ubumhle macala omabini – kodwa kubonakala ukuba akukho qela elifuna ukwenza iimpazamo.
Liqela laseBhayi ebelinamandla kwesi sokuqala isiqingatha. Ingxaki nje yalo ibekukungakwazi ukuyisebenzisa ibhola phambi kweepali. Izamile nayo iBuffalo ukuhlasela amatyeli aliqela kodwa khange kubekho thuba licacileyo elifumeneyo. Siphele isiqingatha sokuqala kungekho gowuli macala.
Ekubuyeni kwawo la maqela kwixesha lokuphumla, yiFC
Oku kwenzeke emva kokuba iifolosi zeMorning Stars zibhutyuze ibhola phambi kwepali. Ngomzuzu wamashumi amathathu anesithandathu kwisigaba sesibini, uBuhle Kahlela, ufake elokulinganisa igowuli. Kwimizuzu nje emithathu emva koko uVuyolwethu Klaas ufake elesibini leMorning Stars – yatsho yahamba phambili. Kuthe xa kanye kushiyeke imizuzu emithathu phambi kokuphela komdlalo, yabuya iFC
Kumdlalo obuseBhayi namhlanje emalanga,
UMofokeng ufumene imoto ngenxa yokugqwesa kwakhe ebholeni