Isinde ngokugolo iCameroon emdlalweni wayo wesibini weNdebe yeHlabathi ophele ibambene ngamagowuli amathathu macala (3-3) neSerbia ebilume ongezantsi eAl Janoub Stadium ebimini namhlanje. Omabini amaqela aye emdlalweni egxeleshe amanqaku amathathu emva kokungayiphumeleli imidlalo yawo yokuqala kwiveki ephelileyo. Ekuqaleni kwesigaba sokuqala somdlalo izinto ziyihambele kakuhle iCameroon ngoba yiyo edlale kakuhle nedale amathuba emdlalweni. Lakhona ithemba lokulandela ekhondweni lamaqela wase-Afrika aphumeleleyo afana neSenegal neMorocco ngethuba uJean-Charles Castelletto efaka igowuli lokuqala leCameroon emva kokufumana ibhola ebigotywe kwicala lasekhohlo.
Kuye kwakhangelela ngathi iqela likaRigobert Song lingawuthathela kulo umdlalo kwiSerbia eye emdlalweni wanamhlanje iqhwalela emva kokubethwa yiBrazil emdlalweni wokuqala kwiveki ephelileyo. Kodwa iCameroon yenze iimpazamo ezimbi ekupheleni kwesigaba sokuqala. Ezo mpazamo zinike iSerbia amagowuli amabini afakwe nguStrahinja Pavlovic noSergej Milinkovic-Savic kwisithuba semizuzu emibini. Kwangoko kwisigaba sesibini, uAleksandar Mitrovic ubhakuzelise umnatha yatsho yakhokela ngamagowuli amathathu kwelinye iSerbia. Emva kokufakwa kwakhe uVincent Aboubakar, ufake igowuli lesibini leCameroon yatsho yaphefumla kwisigaba sesbini.
Igowuli lokulinganisa lifakwe nguEric Maxim Choupo-Moting. Inqaku elinye lakuvuselela ithemba leCameroon ebethwe yiSwitzerland ngegowuli elinye kwiveki ephelileyo emdlalweni wokuqala. Ngoku kufuneka iqela likaSong libethe iBrazil emdlalweni olandelayo ukuze liye phambili kwitumente yehlabathi eseQatar – kodwa konke oko kwakuxhomekeka kweminye imidlalo kaGroup G. Emdlalweni wanamhlanje, iCameroon isinde ngenxa yokuzilwela kwiSerbia ethande ukucaca indlela yayo egodukayo emva kokudibana neSwitzerland emdlalweni wokugqibela. Omnye umdlalo kaGroup G ophakathi kweBrazil neSwiss usebusuku namhlanje.
Ubomi ejele kutata owadlwengula unyana wakhe ona-8