Igowuli elifakwe kwimizuzu yokugqibela lisindise
iGolden Arrows ekubethweni namhlanje. Abafana Bes’thende badlale ntanganye ngo’2-2
nePolokwane City kumdlalo we-Absa Premier Soccer
League obubanjelwe ePrincess Magogo Stadium. Iqela ebelindwendwele lilo
eliqhufuze iqanda kuqala kulo mdlalo ngebhola efakwe nguRamagalela ofumene
ibhola elungiswe nguJabu Maluleka – elinye lamachule abadlali kwicala lokugoba
ibhola. UKnox Mutizwa ufak igowuli lokulinganisa kwimizuzu embalwa emva kokuba
iPolokwane ifumene igowuli.
UMutizwa uzamile ukufaka elinye igowuli le Arrows –
kodwa iinzame zakhe ziye zathintelwa ngunozinti wePolokwane. Kuyiwe kwixesha
lokuphumla kulo mdlalo ebambene la maqela ngo’1-1. Uphinde wenza eminye imigudu
uRamagalela ekhokelele kwigowuli elifakwe nguSeabi kwisiqingatha sesibini. Lo nto
inyanzele uClinton Larsen enze inguqu, ufake uTomas Chideu endaweni kaLerato
Lamola olithemba le Arrows. Ngethamsanqa laBafana Bes’thende, uTomas Chideu,
ukwazile ukufaka igowuli lokulinganisa. Ngalo ndlela i-Arrows ayikabethwa kule
sizini kwaye isahleli phakathi kwamaqela aphuzulu kwiPSL.
Golden
Arrows: Gumede,
Dube, Mngwengwe, Mzava, Nkombelo, Bilankulu Lamola, Mahachi, Shongwe, Magubane,
Mutizwa.
Maponyane, Seabi, Phiri, Musona, Ramagalela, Maluleke, Ndou.
Ixhwele laseKZN noonyana balo ababulala indoda baza kufaka isicelo sebheyile