Emva kokutsala nzima ukusukela kwinyanga yokuqala yesizini ka’2015/16 ukuzakuthi ga ngosuku lokugqibela, iMaritzburg United, isinde ngokulambisa ezembeni lePSL elingenanceba.
Eli qela malibulele * -Evans Rusike ofake amagowuli amabini empumelelo ngethuba libetha iJomo Cosmos ngo’3-1 kumdlalo wePSL ngempelaveki e-Olen Park Stadium.
IMaritzburg United eziqaqambise ngomdlalo ophucukileyo isizini yonke ihlangulwe ngumdlali wayo oqaqambileyo kule sizini, * -Evans Rusike.
Ukusinda kweli qela laseMgungundlovu kuzelwe kukubambisana phakathi kwabadlali, ukusebenza ngokukhuthala, umsebenzi oncomekayo owenziwe ngu-Enrst Middendorp nangona wafika sekinzima kunye nenkxaso yabalawuli beqela ngamaxesha obunzima.
Umqeqeshi weMaritzburg, owaziwa ngokutyhutyha-tyhutyha amaqela adlala kwi-Absa Premier Soccer League, ufike isizini seyithe gabhu kodwa akazange anikezele nangemini enye nangona ngamanye amaxesha belingekho ithemba lokuhlangula iqela lakhe.
Ukusinda kweTeam of Choice kuyinika ithuba lokulungiselela isizini entsha ikwiPSL kwakhona. UKurt Lentjies nosihlalo weMaritzburg, uFarouk Kadodia, khange bakwazi ukuzibamba iinyembezi zovuyo. “Sisokole phantse yonke le sizini, kodwa zange sanikezela nangemini enye. Asinikezeli thina,” utshilo uLentjies.
UKadodia uthe ,abadlali babonisile ukuba iqela lakhe bekufanel’ukuba lasuka kula ndawo belikuyo kudala.
“UKurt wathi iMaritzburg United ayizukwehlela kwaNFD, lo nto yenzekile nyhani ngenxa yokuzixelela kwabo abadlali bethu. Ndivuyela kakhulu umasipala waseMaritzburg, abalandeli bethu nephondo iKwaZulu Natal ngokubanzi. Kweli phondo lethu asifanelwanga liqela elinye,” utshilo uKadodia enyembezana.
Umqeqeshi weSundowns uncoma uLucas Ribeiro owonzakalise iPirates