Isinde ngolambisa iSundowns ebibanjwe ngesixhanti yiTS Galaxy!

UMpho Mvelase weTS Galaxy exhagwe nguSphelele Mkhulise noSiyabonga Mabena beMamelodi Sundowns emdlalweni weDstv Premiership obuseMbombela Stadium. Umfanekiso: ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Amaqela amabini adlala kwinqanaba eliphezulu lebhola ekhatywayo anike abalandeli umdlalo osemgangathweni futhi oyakuhlala ixesha elide ezingqondweni zabo. Oku kwenzeke emdlalweni weDStv Premiership obuphakathi kweTS Galaxy neMamelodi Sundowns izolo ebusuku eMbombela Stadium ebingagcwelanga. Njengesiqhelo, umdlalo utake iintlantsi ebaleni nangaphandle kwebala. Abaqeqeshi bamaqela omabini banqandiwe – noxa bengakhange bamelane ngqo kokwenzeke emva komdlalo ebaleni.

Sekulithuba uSead Ramovic weTS Galaxy egibiselana ngamazwi noRulani Mokwena weSundowns. Oko xa kudibene la maqela wabo, kuhlala kukho umkhosi olindele ukungena phakathi kwabo. Umlo awuphelelanga kubaqeqeshi bobabini. Nabadlali ebaleni khange bacengane. Usompempe usibambile isandla sakhe ngoba bekufanele ukuba ulikhuphile ikhadi elibomvu. Isiqingatha sokuqala siphele kungekho qela elifake igowuli emnatheni. Amakhwenkwe kaRamovic adale amathuba abalekayo angawasebenzisanga.

Kodwa into eqaphelekileyo kukudlalana kakubi kwabadlali ebaleni futhi lo nto iphantse yawumosha umdlalo ngoba bekufuneka usompempe angene phakathi kwabo abanqande. Isiqingatha sesibini sinike umdla naso kakhulu ngoba amaqela ebehlaselana esebenzisa isantya esiphezulu. UMvelase ngoyena mdlali othe waqaqamba emdlalweni wayizolo ngoba nguye obetshutshisa iSundowns ebixhathise ngoRivaldo noMthobi Mvala. Emva kokuzama amatyeli aliqela ivinjwa nguWilliams – ide yafumana igowuli iTS Galaxy.

Igowuli lifakwe ngumdlali okhutheleyo uPuso Dithejane kushiyeke imizuzu engaphezulu kancinci kweshumi kuphele umdlalo. Khange inikezele iSundowns elwe yade yafumana igowuli elifakwe nguPeter Shalulile ngentloko emva kokudibana nebhola egotywe ngobuchule ngModiba (Aubrey). Noxa iSundowns ithanda ukuwongamela amaqela emidlalweni yeDStv Premiership, khange kube njalo eMbombela Stadium, Isinde ngolambisa – kodwa igoduke nenqaku ngoba idlale njengeentshatsheli. Umdlalo ubumhle futhi ubuvutha bhe.