Isindiswe ngunina intshatsheli yaseRio

Impumelelo kaLuvo Manyonga kwezokutsiba kwimigama emide kwimidlalo ye-Olimpiki eRio De Janeiro, eBrazil, ibangelwe kukuzincama nokuzinikezela kukanina uJoyce Manyonga emhlangula kwiziyobisi izihlandlo eziliqela.

ULuvo Manyonga uphumelele imbasa yesilivere, usilele kancinci ukuba aphumelele imbasa yegolide ngokutsiba umgama omde kule midlalo ye-Olimpiki.

“Lo mntwana uphumelela kwezi Olimpiki emva kweenzame zam eziliqela ndimhlangula kwisiyobisi ekuthwa yiTik adibene naso apha elokishini eMbekweni, ndiyabulela kuba ngoku uphumelele ebendithembise ukuba uzakubuya nayo ngenene lembasa yesilivere,”uthethe oko uJoyce.

ULuvo yinzalelwane yaseMhlanga eLady Frere kweli leMpuma Koloni nothe kamva wayakuhlala eMbekweni ePaarl elandela abazali bakhe. “Ndimkhulise ndindodwa lomntwana ekhula njengabanye abantwana ethanda imidlalo nesikolo, kodwa uthe akufika kwinqanaba elithile wadibana neziyobisi nam ndixelelwa ngaba mbonayo,”itsho lenkosikazi.

Le ntshatsheli yokutsiba imigama emide idibene neengxaki eziliqela ngenene phambi kokuba ifikelele kulempumelelo.”Ngo2014 uye wanqunyanyiswa ukuthatha inxaxheba kulomdlalo wokutsiba imigama emide isithuba senyanga ezilishumi elinesibhozo ngenxa yokuba kwafunyanwa isiyobisi egazini lakhe,”utsho uJoyce uManyonga. Ukwathe unyana wakhe ukhe waphantse wazibulala ngenxa yokonganyelwa yiTik ngomnye unyaka.

“Safika esehlathini ehleli phantsi komthi, ebeke imbodlela yeSmirnoff ecaleni kwakhe, intambo sele ijinga emthini kusele nje ukuba azixhome nangoko onganyelwe sesi siyobisi, ndacedwa nguThixo ukusindisa lomntwana kuledimoni kuthwa yiTik,”uthethe watsho uJoyce.

Ukwathe kwinzame zokumthumela kumaziko anceda ukunqanda ukusetyenziswa kweziyobisi ebebuya aphinde aqale kuqaleni. “Ukuze ayeke ngokupheleleyo ndimthumele eKapa kubantu bakulotata wakhe, ndaza kamva ndamthumela ePitoli kubhuti ongumkhuluwa kayise, kulapho abuye oyisakele ukusebenzisa esi siyobisi, ndibulela uThixo,” utshilo. UManyonga humelele kwindawo yesibini emva kokujijisana nendoda yaseBritane uGreg Rutherford ophumelele kwindawo yokuqala. Lo ka Manyonga wenze imitsi ekwi 8.37m logama uRutherford enze i8.38m.

Ethetha namajelo endaba emva kokuphumelela kwakhe kwelase Rio uLuvo Manyonga uthe. “Ndibulela uNkulunkulu ngako konke oku kuba kudala ingumnqweno wam ukuphumelela imbasa,”utshilo uLuvo Manyonga. Ukanti indoda engummelwane welikhaya uSimphiwe Mntwebana uyangqina ukuba eli likhaya lemidlalo. “Ndithanda lento umama wakhe engakhange ayifihle ukuze umntwana ancedakale, lona eli likhaya labantu bezemidlalo kuba utata wabo wayesakuba ngumdlali wombhoxo, umntakwabo ngumdlali webhola ekhatywayo,”uthethe watsho uMtwebana.