ISinqumeni FC ziintshatsheli zeNgubesizwe Tournament

ISinqumeni FC ziintshatsheli zeNgubesizwe Tournament emva kokuphumelela ngo2-1 kumdlalo obuseNgumbela Ground

Ikhula ngokukhula itumente yemidlalo entlobontlobo ebizwa ngokuba yiNgubesizwe Tournament.

Kwimpelaveki edlulile yePasika, abalandeli bemidlalo namaqela ebhola ekhatywayo axishene kwanzima eNgumbela Ground – apho ebedlalela indebe yegolide.

Lishumi elinesihlanu lonke lamaqela ebhola ekhatywayo athathe inxaxheba kwiNgubesizwe Tournament kulo nyaka – kubekho uchatha wamaqela amahlanu xa kuthelekiswa nonyaka ophelileyo. Nakwicala lomdlalo wamantombazana, umnyazi – maninzi kakhulu amaqela abeyinxalenye yemidlalo kulo nyaka.

Ukufunquka kwenani lamaqela athe anomdla wokudlala kwiNgubesizwe Tournament abancumisile abaququzeleli betumente nangona bekhale ngokunqaba kwenkxaso-mali esuka kumaqumrhu azimileyo.

Usodolophu waseMbhashe Municipality, uMnu. Samkelo Janda, uluncomile ulutsha lwaseDutywa watsho esithi imidlalo sesona sixhobo sokuluqokelela nokulusindisa kwizinto ezimbi.

“Silapha sizokunika inkxaso eli linge singumasipala. Ezi ntshukumo siyazixhasa ngoba zikhwebula ulutsha kwizinto ezimbi nasekuzinkcinkceni ngotywala. Iinkqubo zethu kufuneka ziluxhase ulutsha ngoba abona bantu baninzi apha eMbhashe lulutsha,” utshilo uJanda.

Iqela elithe lanenyhweba yokugoduka nendebe kulo nyaka yiSinqumeni ebiqala ngqa ukudlala kule tumente ethe gqolo itsala umdla wabantu abaninzi ngePasika.

Iintshatsheli zibethe uMphepheni FC ngo’2-1 kumdlalo wokugqibela obunzima kakhulu.

Onke amagowuli afakwe kwisigaba sokuqala somdlalo. Umqeqeshi weSinqumeni FC, uSivuyile Nkunka, zimchulumancise kakhulu iziphumo zeqela lakhe.

Uncumo ngethuba ethetha neli phephandaba belubhalwe ebusweni bakhe.

“Sikuvuyela kakhulu ukuphumelela le ndebe. Singavuya ukuba singayiphumelela kwakhona le ndebe. Abadlali bam bebezimisele kakhulu kwaye bayayithanda ibhola ekhatywayo,” utshilo uNkunka.

Amaqela athathe inxaxheba aquka iNgonyama, iZimpuku, iSheshegu, iQorha, iNdakeni, iLibomvini, iLencane, iGoodhope, iMamfeneni neSinqumeni.