Isiqalo esitsha seChippa United phantsi kukaDaine Klate

UGavin Hunt weSupersport United noDaine Klate weChippa United bencokola eGoli kuphehlelelwa isiqendu esitsha seDStv Premiership. Umfanekiso: Sydney Mahlangu/BackpagePix

Ubuhlobo phakathi kukaDaine Klate noGavin Hunt buza kuthi gu bucala okwethutyana xa amaqela abawaqeqeshayo edibana ngempelaveki. Ngentsimbi yesithathu emalanga ngeCawe, iSuperSport United iza kwamkela iChippa United emdlalweni weDStv Premiership wokuvula isizini oza kube useLucas Moripe Stadium. UGavin Hunt, oqeshwe kwinyanga ephelileyo, uza kube ekhangela isiqalo esihle kwiSuperSport United ebidikidiki kwisizini ephelileyo. Kwelinye icala, naye uKlate unethemba lokuzuza amanqaku amathathu kwiqela likaHunt asebenze naye iminyaka itsho iChippa ifumane isiqalo elihle. Ezo zezinye zezinto eziza kwenza umdlalo unike umdla kakhulu. “Umdlalo uza kuba mhle ngoba sidibana neqela endilazziyo,” utshilo uKlate otyelela iqela lasePitoli – apho wafumana khona udumo njengomdlali webhola ekhatywayo.

“Ndikwindawo endikuyo namhlanje ngenxa yegalelo elenziwa yiSuperSport United ebomini bam njengomdlali webhola ekhatywayo. Kuhle ukudibana noGavin Hunt endaphumelela iindebe ezininzi phantsi kwakhe ndisengumdlali. Ndaphinda ndasebenza naye futhi kwiChippa United. “Weza nam ndingumdlali kwiChippa, ngoku ndizibhaqala ndidibana naye ndingumqeqeshi omtsha weqela elikwiPSL,” utshilo uKlate. Emva kokutyikitya abadlali abalishumi elinesithandathu, iChippa United yenze amalungiselelo wayo eThekwini njengesiqhelo. Kulapho uKlate aziqhelanise khona nabadlali beqela lakhe elitsha.

“Amalungiselelo wethu ahambe kakuhle eThekwini. Imidlalo yokucweya isibonisile indawo esikuyo neendawo ezifuna ukulungiswa. Utyelelo lwethu lusincedile ngoba lusinike ithuba elihle lokudibanisa abadlali nokwazana nabo njengomqeqeshi,” utshilo uKlate. Njengokuba uMnu. Siviwe Mpengesi esaziwa ngokugxotha abaqeqeshi ngokukhawuleza, uthembise ngokumxhasa nokumnika ithuba uKlate amnyuseleyo emva kokuqhuba kakuhle kwakhe kwiChippa United edlala kwiDiski Challenge. UKlate, 37, uyalazi uxinizelelo aphantsi kwalo – kodwa ke uthe akazikhathazi ngezo zinto ngoba akazukwenza milingo xa izinto zingahambi ngendlela elindelekileyo.