Isitayile seChippa United asizutshintsha!

ULerato Lamola weGolden Arrows esokoloswa nguThamsanqa Sangweni weChippa United kumdlalo wabo we-Absa Premiership

IChippa United yaziwa jikelele kwizwelonke ngokudlala ibhola enomahluko kwamanye amaqela adlala kwi-Absa Premier Soccer League.

UMalesela ubonwa njengoyena mqeqeshi, kulo mgqeku ukhoyo ngoku, onokuvuselela ibhola yoMzantsi Afrika eyayitsala abalandeli ngeentsuku zamandulo – kodwa kuthi xa kuthe kwenzeka iziphumo azahambelana nebhola entle yeli qela, kubekho izigxeko ezijoliswe kulo.

Lo nto ayimkhathazi uMalesela futhi uzimisele ukuyigcina indlela edlala ngayo iChippa United. Kwiveki ephelileyo iiChilli-boys ziphulukene nomdlalo wokuqala kule sizini emva kokubethwa ngo’1-0 yiGolden Arrows, ePrincess Magogo Stadium.

“Andazi ukuba kwenzeke ntoni kuthi kwiveki ephelileyo. Ibhola ibilawulwa sithi kodwa asikwazanga ukuyoyisa i-Arrows, mhlawumbi sibethwe bubushushu,” utshilo uMalesela.

Kwibhola yale mihla, abaqeqeshi abaninzi bakhokelisa iziphumo ngaphezulu kwayo yonke into. Akunjalo apha kumqeqeshi weChippa – kwaye akazimiselanga ukuyitshintsha indlela edlala ngayo. KuMalesela indlela iqela elidlala ngayo kufuneka kuhambelane neziphumo ngoba injongo kukonwabisa abalandeli – isitayile esenza iChippa yahluke kufuneka sigqame ngamaxesha onke.

“Sizakuqhubela phambili nesitayile sethu sokugcina ibhola kuthi. Ndiphawule ukuba ukuzithemba kubadlali kukhulile xa bebambe ibhola. Kufuneka siwuphucule umdlalo wethu – ngoku sineentsuku ezimbalwa phambi komdlalo olandelayo eBhayi,” utshilo uMalesela kwikhasi lomnatha.

Isiqalo seli qela lizinze eBhayi khange sibesibi kwaphela, ngoku lihleli kwindawo yesixhenxe kwiPSL emva kwemidlalo nje emine.

Liphumelele imidlalo emibini, ladlala ntanganye kanye laze labethwa kanye qha. Kwiveki ezayo iiChilli-boys zamkela iBloemfontein Celtic kumdlalo wePSL, eNelson Mandela Bay Stadium, ngo’19:30 ngoLwesibini.

Likhona ithuba lokuqokelela amanqaku kulo mdlalo – kodwa iBloem Celtic ingayingozi ngoba ilambele impumelelo yokuqala emva kwesiqalo sayo esibi kule sizini.