Ukugibiselana ngedaka phakathi kwezizukulwana, iseso isizukulwana sizibona singcono kunesinye, yinto edaliweyo.
Nalapha emanqindini. Xa kubaliswa ngemilo, umgangatho, indlela yokudlala, kunye nokuthiywa kweziteketiso kubadlali eqongeni soloko iyimicimbi esoloko kukhutshiswana ngayo zizizukulwana.
Nangona ndingayikhuthazi ingxoxo-mpikiswano yezi zukulwana, inyaniso yeyokuba kunzima ukuthetha ngexesha langoku ungakhange ujonge kokwakusenzeka mandulo, ngamanye amazwi ayiphepheki ncam into yokubeka esikalini izizukwalana. Kudala amaholo ayegcwala, iimbethi manqindi zisilwa imilo eyayisenza nabasasazi belo xesha bazive sebezibonga ezo mbethi manqindi, beziwonga ngokuzipha iziteketiso zaseqongeni. Amagama anjengoKiller, Axe, Sugar Cain, Rose of Soweto, City noCobra, athi qatha entloko xa ndiphatha lo mcimbi.
La magama angentla namanye embethi manqindi ezazibizwa ngawo zaziwaphiwa ngabalandeli nabasasazi belo xesha, ngenxa yendlela abadlala ngayo nobunganga.
Umbuzo ngowokuba aphelela phi la magama ayesebenza njengegwatyu kubaniniyo, kutheni abasasazi nabalandeli bengasakwazi ukuwonga kule minyaka sikuwo.
Kweli xesha kukho bonke ubuxhaka-xhaka bonxibelwano kunye namathuba avulelekileyo iimbethi manqindi zethu azilifumani iwonga elalifunyanwa zezamhla mnene, konakele phi. Alikho iwonga elogqitha ukuwongwa ngababukeli nakwowuphi na umdlalo, kwenza uzive njengomdlali oze neenkozo ezifunwa ngababukeli.
Kwintlaninge yezizathu ezibangela ukuba iimbethi manqindi zethu zingateketiswa ngabalandeli kuquka, ukukuzinikela eqongeni, umdlali alwe de abantu bafune ukuphosa imali eqongeni. Oku kuhamba nendlela yokuziphatha kumdlali angenzi izinto ezingendawo ngexesha elungiselela umlo.
Abathelekisa nabo asinokubashiya ngemva ekubanesandla kulo mba kuba uninzi lwabo luyathanda ukubanqum ekuthelekiseni ezi ziphume izandla nezinesakhono, bafuna ukunyolela badibanise ikhalipha negangxa.
Ndiyayazi ukuba asinakuvula zibhuqe kuba sinyeke ukunikwa kwembethi manqindi izithsaba ngababukeli, kodwa masingangxengi kakhulu kuba lo nto yenza sibukele sikhubula embo. Ngethuba nisidla iholide zokuphela konyaka masicinge amagamama esizakuwonga ngawo imbethi manqindi.
UMzantsi Afrika uza kongamela iG20: Kuthetha ntoni oko?